Thetha ngezesondo nomntwana wakho

Ukwabelana ngezesondo kusendalweni futhi kungumceli-mngeni kumakhosikazi amaninzi, into ebangela ukuba kubenzima kuwo ukuthetha ngemiba yezesondo nabantwana babo.

Oku kuthethwe nguThobeka Buswana, umanejala wesikhululo i-trufm eBhisho, owayethetha kwihotele iGround X eMonti, apho amakhosikazi ebebambe isidlo sasemini, enikana iingcebiso zokuqubisana neenzingo abadibana nazo.

Le ndibano, phantsi kwesihloko esithi “The Woman Hustle Power Lunch”, ibiququzelelwe yiShevolution ekhokelwa ngusomashishini negqwetha uBuhle Tonise.

Kule ndibano uBuswana, okwangumseki weThobeka Buswana School for Girls, uxelele la makhosikazi ukuba makathethe nabantwana babo ngemiba yezesondo ukuze abantwana abo baphangalale ngemiba erhangqe ezesondo.

UBuswana uthi abazali abaninzi, ingakumbi abamnyama, bayonqena ukuthetha ngemiba yezesondo, endaweni bazimele ngenkolo ufike benelizwi elinye lokuba kwabelwana ngesondo kuphela xa ubani etshatile.

“Mna ndisoloko ndikhuthaza umntwana wam oyintombazana ukuba angangxami ngokwabelana ngezesondo, kodwa ndikwamkhuthaza ukuba kufuneka azithembe kuba ezesondo ziyabhida.”

“Amakhosikazi aliqela ayabhideka xa kuyiwa kumba wezesondo, mhlawumbi ngenxa yendlela ubani awayephetheke ngayo kubudlelwane bakhe bangaphambili,” utshilo uBuswana.

USodolophu wase-OR Tambo uNomakhosazana Meth uthi amakhosikazi akwezopolitiko, okanye kwizikhundla eziphezulu, aye afumane ukujongelwa phantsi ngamadoda ngenxa yesini sabo. “Amadoda anako ukubona amakhosikazi njengesigrogriso kwizikhundla zabo, yiyo lo nto amakhosikazi kufuneka asebenze ngokuzimisela nangokuzithemba kwizikhundla akuzo,” utshilo uMeth, okwathe uzakuzixhasa iinkqubo zeShevolution.