Tshotsh’ abethwe amaBhokobhoko!

KuMgqibelo odlulileyo, umhla we6 kule nyanga yeDwarha, iqela lombhoxo loMzantsi Afrika nelaziwa ngegama leSpringboks okanye amaBhokobhoko, lihluthwe inqatha emlonyeni liqela laseNew Zealand, qela elo libizwa ngokuba yi-All Blacks.

Oku kwenzeke kumabala aseLoftus Versveld kwelaseTshwane, bala elo belizele limi ngeembambo ngabathandi nabalandeli bombhoxo abasuka mbombo zone zomhlaba.

Eyona nto yothusileyo koku kubethwa kwamaBhokobhoko yeyokuba kwiiveki nje ezimbini ezigqithileyo, eli qela lakowethu liye lenza imbali ngokuyibethela oogqirha nezicaka iAll Blacks, kwaye iyibethela kumabala akowayo kwelo laseWellington.

Kuloo mdlalo, la makhwenkwe oMzantsi Afrika ayezimisele ngokumangalisayo, ezijule ijacu exolele ukuphuma neengqoshe kunokuba abethwe, kwaye oku ayekwenza ebonakalisa ubuthandazwe obungumangaliso.

Ngenene ke loo mdlalo waphela abafana bakowethu bephumelela ngamanqaku angama36 kumanqaku angama34. Nababukeli okanye abalandeli ababebaxhasa kwelo laseWellington eNew Zealand babebonakala bezingca ngokumangalisayo ngeli qela kwanelizwe loMzantsi Afrika.

Kungani ke ngoku ukuba iqela eliqhube kakuhle kangako kwibala lasemzini libethelwe kokwalo, kwelona bala laziwa njengelona bala liqhuba kakuhle kulo neliqengqa kulo kakhulu ugodo, liwahlinze nofele amaqela amanye amazwe?

Sizathu sini esibangela ukuba ndithi ndingummi woMzantsi Afrika ndikonwabele kwaye ndikuthakazelele ngokungathethekiyo ukubethwa kweli qela lasekhaya ngoMgqibelo?

Impendulo inye kwaye ayicengi solala phi, ukungahloniphi nokudelela kuzala ukungahambi kakuhle kwezinto.

Ukuba undiva kakuhle kulo mhlathi ungentla, ndithi abadlali nabalandeli bombhoxo ababekho kumabala aseWellington eNew Zealand, babonakalisa ukuzimisela nokulihlonipha ngokungathethekiyo ilizwe loMzantsi Afrika, kungoko nomdlalo waba ngecala lethu, sawuphumelela sisekuhambeni.

Apha ekhaya kudlalwe kakuhle nangokuzinikezela ngamakhwenkwe eqela lakowethu, kwaye wonke obebukele koomabonakude, obephulaphule koonomathotholo kwanabo bebekuloo mabala aseTshwane, bebesele bezixelela ukuba nakweli ityeli iAll Blacks iza kugoduka iphethe imbande yesikhova.

Kaloku ixesha elininzi lalo mdlalo, amaBhokobhoko ebelawula, ezenzela, ebonakalisa izakhono ezikhethekileyo zokudlala, suka kwimizuzu nje emihlanu phambi kokuba uphele umdlalo obukhokelwa ngamaBhokobhoko ngamanqaku ali12 onke, izinto zajika.

Abuye kakubi amakhwenkwe aseNew Zealand ngokwabantu aba bebekhangeleka besezwe intloya okanye batyiswa umngqusho nomhluzi wenkomo, bawongamela kanobom uMzantsi Afrika kwatsho kwaphela amathemba.

Esona sikhonkwane sokugqibela sibethelelwe ngumfana odlala ephikweni kwiqela le-All Blacks nonamendu angumangaliso, uArdie Suemalo Savea, nothe sele kumincwe kwade kwahlaliwa ngeentsula ezinye, wabeka ibhola emgceni sekushiyeke nje imizuzwana phambi kokuba usompempe ayivuthele kathathu impempe yakhe, ewuphelisa umdlalo ngelithi “ntyo-ntyo-ntyo-.”

Nantsi ke indawana eza kubangela ndingathandwa ngabaninzi, ndingafunwa yinginginya kwaye ndithiywe ngabanye, yile yokuba ndinoluvo lokuba xa abalandeli nababukeli bengabonakalisi kulihlonipha ilizwe labo, imithetho yalo kwanomgaqosiseko walo, izinto ezimbi nezothusayo ziza kuhlala zisenzeka.

Ngokungafaniyo naba balandeli bebebukele eNew Zealand eWellington, abalandeli bombhoxo eLoftus Versveld babonakalise ukuqaqadeka nokungahloniphi okuye kwatyhafisa uninzi lwabemi boMzantsi Afrika abebebukele lo mdlalo.

Ngokolwam uluvo, akukho nto isisenyeliso netshicela idabi lenkululeko kwanentsingiselo yedemokhrasi ukogqitha le yokuba iqela elithile labemi beli lizwe bawujongele phantsi uMhobe weSizwe, ingakumbi xa lo Mhobe weSizwe ucwangciswe waze wabhalwa ngokubandakanya zonke izizwe zoMzantsi Afrika.

Ngeli lixa kuculwa imihlathi yesiXhosa, isiZulu nowokugibela wesiNgesi kuMhobe weSizwe, ligcuntswana kuphela ebelicula kuloo mabala aseLoftus Versveld, kodwa kuthe kwakungena le ndawo yolwimi lweAfrikansi, waphakama wonke umzi wacula ngokuzimisela.

Sisithuko esingathethekiyo esi kubadlali bamaBhokobhoko xa bebonke, ingakumbi kwabo bantsundu bafana noKolisi okhokela eli qela, kuba bona basuka kumakhaya ayecinezelwe kusetyenziswa lo Die Stem, alwa ukuze sikhululeke xa sisonke singabemi beli lizwe.

Ukungananzwa koMhobe weSizwe osibandakanya sonke sisithuko kwinkululeko yeli lizwe, kwaye kungakhokelela kwingxaki enokusixaka ngokungathethekiyo sililizwe. Kungoko imibuzo isemi: Sikhululekile ngenene? Sikwidemokhrasi ngenene?

Ngenxa yokungahlonitshwa koMhobe weSizwe oneenjongo zokumanya izizwe zoMzantsi Afrika, ndithi tshotsho abethwe amaBhokobhoko nokuba wona awanatyala, kodwa ngenxa yezaphuselane zabalandeli abathile abangalihloniphiyo eli lizwe, andikhathali nokuba babethiwe!