Ubanjiwe owadlwengula ixhegwazana ngeNyibidyala

Amapolisa aphanda amatyala okuxhatshazwa ngezesondo kwabasetyhini nabantwana eGcuwa avalele indoda enamashumi amane anesithoba ubudala nerhanelwa ngokudlwengula ixhegwazana laseNtubeni kuGatyana.

Eli xhegwazana, nelinamashumi asibhozo anesithandathu, ladlwengulwa lilele kwalo ngomhla wokuqala kule nyanga ngethuba uluntu lalubhiyozela unyaka omtsha.

“Ixhoba laqabuka sele kukho indoda ebhedini ilidlwengula. Lalingatshixanga emnyango kuba lalilindele abantwana balo ababebhiyozela ukuqala konyaka omtsha ngaphandle. Emva kokuba egqibile ukuzithathela ngolunya kwixhegwazana umrhanelwa waphuma ngomnyango engadanga waqatshelwa lixhoba ukuba ngubani na,” sitsho isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha.

Ngokophando lamapolisa umrhanelwa uye wabanjwa. Uvela kwinkundla yamatyala kuGatyana namhlanje (Lwesine).