Ubhaqiwe othengisa iifegi eBhayi

IIbhokisi zecuba ezibhaqwe ngamapolisa aseBhayi kugqogqo lwawo ezikroxweni umfanekiso: saps

Nangona nje icuba iyenye yezinto ezavalwayo ekuthengisweni ngeli xesha lokuma kweentshukumo eMzantsi Afrika, kubonakala ngathi lowo umthetho awuzange ukhathalelwe ngabanikazi beevenkile ezincinci ingakumbi ezo zabemi bangaphandle.

Uninzi lubonwa lutshaya kodwa libe icuba lavalwa. Amapolisa oMasipala oMbaxa iNelson Mandela Bay alandele kanye ezi venkile kuvakala ukuba zisathengisa icuba kodwa lelinye elavalwayo kuba kukholelwa ukuba nalo linganegalelo kule ntsholongwane.

Ingxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu, ithi kolo gqogqo luthe lwenziwa ngamapolisa sele zingaphaya kwewaka iibhokisi zeefegi kwakunye nezeBoxer ezifunyenwe kwezi venkile.

Ezinye zifunyenwe ngorhatya ngoLwesibini kule veki eBethelsdorp.

UNaidu uthi ngoLwesibini amapolisa ngethuba eseBethelsdorp emva ngorhatya aqaphele ukuba kusekho ivenkile esavulileyo kwisitrato iClassen.

Kulapho aqaphele ukuba kuphuma abantu betshaya nekulapho aye angena agqogqa, afumana ezinye iibhokisi zecuba ezixabisa imali engangeR200 000 kwigumbi elingasemva.

UNaidu uthi umnikazivenkile omnye ubanjiwe wabekwa ityala lokophula imiqathango yeLockdown ngokuthengisa icuba.