Ubhubhe njani uSibusiso?

UNombulele Mkhenkcele ephalaza intlungu yokungahoyeki komnakwabo kwisibhedlele saseBhisho UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

XA uNombulelo Mkhenkcele ebetyelele kwisibhedlele saseBhisho eyokujonga imeko kabhuti wakhe uSibusiso Bosman, ugqirha nomongikazi ababekwelo gumbi bathi abamazi ukuba uphi uBosman, kanti lonke eli xesha bahleli nesidumbu sakhe.

UBosman (31) waseQuzini eQonce, wayekhala ngomkhuhlane nephika, emva koko ikhaya lakhe lagqiba kwelokuba malimse kwisibhedlele iGrey eQonce, ngomhla wamashumi amathathu kuTshazimpuzi walo nyaka.

EGrey kwabonakala ukuba imeko yakhe ayintlanga, wadluliselwa kwisibhedlele saseBhisho, phofu emva kokuba eqeshelwe imoto kuba kusithiwa azikho ii-ambulensi.

“Xa siyombona eBhisho, ngosuku lokuqala efikile kwabonakala ukuba imeko yakhe imbi. Nangosuku lwesibini amalungu osapho lwam afumanisa ukuba imeko yakhe imbi kwaye akahoyekanga.

“Ndagqiba kwelokuba mandiye kusuku lwesithathu, ndafika andayithanda into endayibona phaya. Ndafika iDrip kaSibusiso igcwele igazi intambo le yayo, kucaca ukuba liphuma apha emzimbeni.

“Ndaxakwa kwayilo nto kuba ndiyazi iDrip iyinto yokwenza amandla emntwini. Xa ndibuza malunga noku kumongikazi, wandixelela ukuba ebesaxakeke zezinye izigulana. Le Drip yayingaxhonywana, ilapha ebhedini,” kutsho uMkhenkcele.

UMkhenkcele uthi enye into abaye baphinda bayiqaphela kukuba uBosman ebekhalaza esithi iinaliti ezine ebetofwe ngazo zimshiye eqinelwe ngumzimba. “Ndathi xa ndijonga kuxwebhu lwakhe ndafumanisa ukuba azibhalwanga ezi naliti.”

UMkhenkcele uthi kusuku lwesine, waye wavukela esibhedlele. “Xa ndifika kwigumbi ebelele kulo akekho, nakwelinye igumbi ebekhe walala kulo safika engekho. Kwelinye igumbi safika kukho umongikazi, xa sibuzayo ukuba uphi uSibusiso, lo mongikazi wathi mandimjonge kwamanye amagumbi,” kubalisa uMkhenkcele.

“Kwigumbi lesithathu safika kukho ugqirha nomongikazi ndabuza uSibusiso, ndaxelelwa ukuba mandidlulele kwamanye amagumbi. Kwigumbi lesine sajonga sancama akekho uSibusiso.

“Kulapho saqala ke ngoku ukungaxoli. Xa ndifika kwigumbi lesihlanu, ndabona lo mntu ulele ebhedini kwabe kuvuliwe emnyango, ndaya kwibhedi ethile kuba ndibona ukuba kukho umntu oleleyo.

“Xa ndithi krwaqu, hayi maan! nguSibusiso lo ukhamisile, ndamshukumisa, ndabona ukuba akavuki. Emva koko ndasothula phezulu isikhalo kwabe sele kungena umakazi wam nabanye abantu basekhaya.

“Ugqirha nomongikazi ababekweli gumbi lesihlanu bothuka nabo ukuba kukho umntu obhubhileyo, kuba bebethe abamazi lo mntu ndimfunayo. Ndabe sele ndizibhuqabhuqa ndikhala, ndaqonda ukuba makhe ndihlale phantsi,” utshilo uMkhenkcele.

Emva kokukhala, uMkhenkcele uthi kukho umongikazi oweza kuye esithi basoloko bekhuthaza abantu ukuba babuze koomongikazi xa befika ezibhedlele. “Ndavele ndaphambana xa kulapho kuba ndandingayazi ukuba uthetha ukuthini kuba sasisehla sinyuka esibhedlele sibuzisa ngoSibusiso, engaziwa.

“Enye into endenza ndingaxoli yile yokuba akukho mongikazi okanye ugqirha ode wasixelela de kube namhlanje ukuba ubhubhe nini, njani uSibusiso. Asikhathali tu isibhedlele saseBhisho, yhini ukungakhathaleli umntwana wasekhaya ngolu hlobo,” kutsho uMkhenkcele.

UBosman ungcwatyiwe kwezi ntsuku zimbalwa zidlulileyo, kodwa usapho alukaxoli de lufumane iimpendulo kwesi sibhedlele.

Isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, ukhuthaze olu sapho ukuba lusibhale phantsi isikhalazo salo lusise kophethe isibhedlele eBhisho.