Ubhubhel’ enkcochoyini unqevu

Ubhubhel’ enkcochoyini umfana ekutyholwa ukuba ube siba iintambo zombane kwisiporo sikaloliwe esihamba phakathi kwePhilippi kunye neNyanga Junction.

UZukisani Dyido noneminyaka engamashumi amathathu anesibini ubudala nohlala eHazeldene kude kufutshane nendawo ekwenzeke kuyo esi sehlo, uxelele I’solezwe ukuba ibizizithuba zentsimbi yesibini ekuseni ngethuba besiva isithonga esikhulu.

“Khange siyicinge nakanye ukuba ingangumntu obulawa ngumbane ngenxa yexesha eyenzeke ngalo, sive nje ukuqhuma kwento esingayaziyo kanti kungexesha umbane umbulala.”

Uqhube wathi bothuke ekuseni xa bevuka kukhona umntu ojinga phezulu.

“Hayi amasela anesibindi kodwa, xa umntu enokukhwela ade ayokufika kula ndawo ngenxa nje yokweba kodwa ke ufe kancinci,” utshilo uDyido.

Omnye wabahlali bale ndawo uthe kudala oonqevu bezenzela unothanda kwiintambo zombane ezisetyenziswa ngoololiwe.

“Sisoloko sikhala ngoololiwe abangahambi kakuhle silibale ukuba unobangela ngala masela aqhawula iintambo zombane nathi ayozithengisa, kungakuhle ukuba ukubhubha kwalo kuza kwenza babuye umva kancinane kulo mkhuba bazimisele kuwo,” utshilo umhlali.

Watsho esithi nanjengoko umtyholwa ebhubhele kula ndawo oololiwe bebengahambi, nto leyo eye yanyanzelisa ukuba bahambe baye kwezinye izithuthi.

“Kule mvula ibinetha kunyanzeleke ukuba sihambe siyokukhwela itekisi kwaye azikho kufutshane, umkhuba abazimisele kuwo mbi kakhulu kwaye uyasichaphazela nanjengoko kuye kufuneke sizame imali yetekisi xa uloliwe engahambi,” utshilo umhlali.

Ngethuba I’solezwe lifika kwindawo yexhwayelo ngezithuba zentsimbi yeshumi, umtyholwa ube ngekothulwa nanjengoko imvula ibigalela ngamandla.

Kwaye bezibonakala iintambo ekubonakala ukuba ebesele eziqhawulile.

UOdwa Kwena uthe abantu abangunobangela wokwebiwa kwezi ntambo ngabo bathi bazithenge.

“Abantu baseScrap yard bayingxaki kuba ababuzi ukuba ezi zinto zithathwa phi, kodwa ke bengasokuze babuze kuba bayayazi ukuba ziyebiwa nabo kufuneka bebanjiwe,” utshilo uKwena.

Isithethi samaPolisa aseKapa uCaptain FC Van Wyk, uthe kuvulwe ityala emva kokubhubha kwendoda engaziwayo netshowukhwe ngumbane ngethuba iqhawula iintambo kumzila kaloliwe.

“Ngethuba amapolisa efika afumene lo mfana ejinga phezulu nalapho kubonakala ukuba ebesele eziqhawule ezinye iintambo kude kufutshane naseHazeldene,” utshilo uVan Wyk.