Ubizo lwakhe kukuqingqa udongwe

UNosikhumbuzo Khabane owenza imisebenzi yezandla UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Ukuba ngumzobi asiyonto ilula ingakumbi xa ungumntu wasetyhini kuba lo umsebenzi uxhaphake ukwenziwa ngamadoda, kodwa kwigqiyazana laseQonce oko kubonakala kungeyongxaki.

UNosikhumbuzo Khabane uthi ukujika udongwe aluqingqe kuphume izitya okanye iivazi kufana nobizo kuye.

UKhabane uthi wancedwa ngudadobawo wakhe ukumkhangelela isikolo esikwaziyo ukuphuhlisa italente yakhe emva kokuba eqaphele ukuba uyakuthanda ukuzoba.

“Ndiqale ukuthanda ukuzoba ndikumabanga aphezulu kwisikolo iThembalethu eQonce, laye lukhula uthando nangona nje ulwazi beluluncinci kuba ndisemaphandleni ndingayazi ukuba le yinto efundelwayo ukuze ube uyaphuhla nangakumbi kuyo,” utshilo uKhabane.

UKhabane uthi ucinga sesona sizathu sokuba kunqabe ukubona amabhinqa kulo msebenzi kuba kusetyenzwa ngodaka. Ezona zinto azenza ngokwakhe ziikomityi, iivazi ukubala nje ezimbalwa.

Lo kaKhabane, nongumama kunyana oneshumi leminyaka, uthi akaziboni esenza omnye umsebenzi kuba lo akuwo ukwafana nokuba ngowokoluleka ingqondo. Uthi xa ephantsi koxinzelelo uvele aqalise ngemizobo yakhe yodaka, azibone sele ethuthuzelekile.

“Ndikwanguye nomama ngemva ekhayeni. Xa ungumama uyadibana neminceli mngeni yokuphila nemithwalo njengawo wonke umntu oyinkosikazi. Kulapho ke mna ndiye ndizoziphilisa kwigumbi lam lokusebenzela ndithethe nodaka ndiphume ndonwabile futhi ndikhululekile kwaye ndinaaso nesisombululo kwingxaki leyo bendinayo,” utshilo uKhabane.

UKhabane ufunde kwikholeji yaseMonti eyaziwa njengeBCC waphuma wayokugqibezela kwisikolo esiseKapa, iYear Art Academy.

UKhabane umsebenzi wakhe ebekade ewenzela eKapa waze wabuyela kwiphondo lakhe kwiminyaka embalwa edlulileyo nalapho athi bekulula eKapa ilukhuphiswano ii-odolo zifika zifikile.

Uthi ubunzima bukhona kweli iphondo leMpuma Koloni kuba unqabile umsebenzi wakhe kwaye awuthathelwa ngqalelo njengaseNtshonna Koloni naseRhawutini.

Omnye womceli mngeni agagana nawo kukungabikho kweendawo ezithengisayo kwaye nezibonisayo ngemisebenzi yakhe.

Lo kaKhabane uthi nenkxaso kurhulumente uyayicela kuba xa esiya kwimiboniso eGoli okanye eKapa ukhupha imali kuye empokothweni.

UKhabane uthi elona xesha lokuthengwa kwemizobo yakhe kuseRhini xa ingumnyhadala wezobugcisa kazwelonke obanjwa minyaka le. Uyafumaneka uNosikhumbuzo Nosy Khabane kuFacebook wena unomdla wokuncokola naye.