Ubomi ejele kwindoda edlwengule inkwenkwe!

ULunga Rashaga (49) ugwetywe ubomi yinkundla yengingqi yamatyala aseSterkspruit emva kokufunyanwa enetyala lokudlwengula inkwenkwe eneminyaka eli14.

URashaga wakwenza oku kweyoMqungu ku2017 kwilali yabo eBamboespruit ngethuba kukho isici kumzi othile.

Ngokwengxelo ephuma kothethela iNPA uLuxolo Tyali, ogwetyiweyo waloba ixhoba ekubeni baye kowabo bayokuthatha icuba kuba kwakuphele utywala kulo mzi unesici.

Ixhoba lakhwaza umkhuluwa walo ekubeni bahambe bobathathu, ukufika kwabo, umkhuluwa waphuma eyokuchama, ogwetyiweyo washiyeka ebholita umnyango ngokukhawuleza, ekhulula ixhoba waze walidlwengula. UTyali uqhuba nengxelo ngelithi wankqonkqoza umkhuluwa wexhoba, wakhwaza engaphakathi ogwetyiweyo esithi umkile usamthume evenkileni engafuni kuvula ucango. Kulapho umkhuluwa wexhoba wakhwaza umakhulu wabo kuba enesikrokro emxelela ngokwenzekayo. Kwafikwa ngaphakathi ixhoba linganxibanga ngezantsi labe sele libalisa okwenzeke kulo. URashaga waye wabanjwa waphinda wakhululwa ngebheyile, apho waye wophula imiqathango engaphandle ngebheyile. Waphinda wakhangelwa wabanjwa kweyoMnga ku2020. Ityala waliphika uRashaga ezinkundleni esithi oomakhelwane bakhe bayamtyhola kuba bemcaphukela.

Kodwa kunjalo inkundla yaveza ubungqina obupheleleyo betyala.

INPA isamkele esi sigwebo, isithi iya kuba sisifundo nakubanye.