UBooi unephupha lokusasazela uMzantsi Afrika

Umsasazi weKQ FM uThembela Booi

ELONA phupha likaThembela Booi kukuzibona esonwabisa izigidi zabaphulaphuli kwizikhululo ezikhulu zosasazo eMzantsi Afrika.

Waqala ukusasaza ngonyaka ka2014 esenza ibanga likaGrade 11.

Watsalwa luthando lokuba semva komboko kanomathotholo ukuze anxulumane nabantu.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kudliwanondlebe, uBooi, 22, uthi wangena ngendlela engaqhelekanga kusasazo.

“Ndandivela esikolweni ngaloo mini, ndathi ndisahamba ndigoduka, kwavele kwakho into ethi mandiye komnye umfana endambalisela ukuba ndifuna ukusasaza.

Waye wathi masidibane, yathi iphela loo veki ndabe sele ndingenile kunomathotholo.”

UBooi, ozibiza njengeKing of the Airwaves, okwenza izifundo zeLogistics eNMU ngumsasazi weNkqubela FM.

Apho wenze iinkqubo ezifana neLive Wire, Party Time, KQFM Top 30, Breakfast Show neAfternoon Drive.

Eli tyendyana ngoku lenza inkqubo ethi Uvuthondaba, eyinkqubo yengxoxo kuquka neSaturday Breakfast.

UBooi, izibulo kubantwana abahlanu, wazalelwa kwilali yaseTyhatha eQonce.

Ufunde eLitha eQonce kuquka naKwaZakhele eBhayi.

Uthi uyawuthanda kakhulu umculo, ukholelwa ukuba xa bengasasazi ngeyimvumi.

UBooi ukwahlebele I’solezwe lesiXhosa ukuba uzibona ngeny’ imini esasazela Umhlobo Wenene.

“Elona phupha lam elikhulu kukuzibona ndisebenzela Umhlobo Wenene FM. Leyo yeyona nto ndihlala ndiphupha ngayo mihla nemihla. Ndihlala ndisiva ilizwi lam lisithi ‘unomhlobo mhlobo.’

UBooi ukwanenkampani ayibiza King Booi Production – egxile ekwenzeni iintengiso, izandi nenkangeleko yezikhululo zikanomathotholo.

Uthi oyena msasazi omkhuthazayo nguDJ Fresh kuba “wenza unomathotholo ophulaphulekayo.”

Xa ufuna ukuphulaphula uKing Booi kwiNkqubela FM, ungaphulaphula ngoLwesithathu inkqubo ethi Uvuthondaba phakathi kweyesithandathu neyesibhozo ngokuhlwa, neBhrakfesi ngoMgqibelo phakathi kweyesihlanu neyesibhozo.

Ungamlandela nakumakhasi onxibelelwano @KingBooi.