Ubukhosi, iityalike namapolisa zidityaniswe lulwaphulo – mthetho

Abefundisi bamabandla ohlukeneyo bebambisene nobhukhosi baMaxesibe namapolisa bethandazele uluntu lwaseLugelweni eMaxesibeni ngoLwesine. UMFANEKISO: Umbhali Wethu

UBUKHOSI baseMaxesibeni phantsi kukaNonyaniso Fikeni bumemelele ubambiswano phakathi kwabo neetyalike ezahlukeneyo kunye namapolisa kumthandazo wokulwa ulwaphulo mthetho ozakuqhuba rhoqo ngenyanga kwilali yaseLugelweni.

Olu manyano luphantsi komxholo othi ‘Yizani sakhe’ kuba luneenjongo zokwakha ingingqi enolutsha noluntu oluluqilima ngesiseko esisiso soMdali.

Ethetha kuphehlelelo lolu manyano ngoLwesine weveki ephelileyo, uNkosi Fikeni, uthe oko kwangenyanga yoMnga nyakenye le lali igutyungelwe lilifu elimnyama lobundlobongela nobugebenga, kungoku nje iKomkhulu lithi kwanele. 

“Kuphuma izidumbu eziliqela ngenyanga kule lali oko kwangenyanga yoMnga, kanti neengxwelerha ziliqela. Noko kwanele, asikwazi ukulala ngesijwili sivuswe sesinye. Lilixa lokuba sibhekise kuMdali kuba sizizamile iinzame zokuwukhuza lo mkhuba, nzame ezo ziwele ezindlebeni ezivalwe ngomdongo. Sicele umanyano namapolisa neenkonzo kuba sikholelwa ukuba sakuwubona umehluko xa sithandaza ngazwi nye.”

Ophethe isikhululo samapolisa kule ngingqi uColonel Mlambo Ndabankulu, uthe besisipolisa baya lulangazelela olu manyano kuba ngenene luyanda ulwaphulo mthetho kwaye bangaphezu kweshumi abantu ababhubhe ngokuhlatywa kususela ngoDisemba kule lali. Uthe oyena nobangela wobundlobongela ziziyobisi, utywala nokuhamba ngobusuku kolutsha. Uthe olu manyano luza kuwenza lula umsebenzi wamapolisa kwaye nabo bayawazi amandla omthandazo.

Obethethela amabandla azinikeleyo kolu manyano nguMdidiyeli Mathenjwa weMethodist Church of South Africa, nothe: “Siyazinikela ukuba yinxalenye yolu manyano, kwaye siza kuhlala phantsi sicwangcise iindlela esingarhweba ngazo ulutsha lungene enkonzweni, luthi xha kwiziyolo zeli lizwe. Sibulela ukuhlakanipha kwekomkhulu lethu, likwazi ukuthi kwakubakho isithwakumbe libhenele kuSomandla.

Umntu omtsha wale lali uLuthando Magaweni, uthe unethemba lokuba olu manyano luza kuba yimpumelelo lululwe neengcambu ulwaphulo-mthetho eLugelweni.