Ubulawelwe ukuthandana namanye amantombazana

Umfanekiso othunyelweyo kaNoxolo Xakeka, 23, obulawelwe ukuthandana namanye amanina

EKAPA: NGELIXA ibiyimincili kwilizwe lonke kubhiyozelwa unyaka omtsha ngomhla wokuqala, usapho lakwaXakeka belusamkela umphanga emva kokuba intombi yabo ibulawelwe ukuthandana namanye amantombazana.

UNoxolo Xakeka oneminyaka engama-23 kutyholwa ukuba wahlatywa amatyeli amathathu emzimbeni yindoda echasene nemo yesini sakhe.

Umseki wombutho olwela amalungelo wabantu abathandana nesini esinye iFree Gender, uFuneka Soldaat, uthi oko bengcwaba abantu abathandana nesini esinye ukususela kulo nyaka uphelileyo.

UZoliswa Nkonyana wabulawa ngo 2006 eKhayelitsha emva kodlwengulo abalubiza nge “Corrective Rape”.  USinoxolo Mafevuka wabulawa kweyoKwindla kulo nyaka uphelileyo, ze uNoluvo Swelindawo wabulawa kweyoMnga. Bobabini kukholeleka ukuba babulawelwa izini zabo.

UNkonyana ukuluhlu lwabo lwabangamaxhoba “olu dlwengulo lulungisayo” okanye i-corrective rape kangangokuba amaqela achasene nokudlwengula ade abhalela owayesakuba nguMphathiswa wezobuLungisa uJeff Radebe ngo2010 emcela ukuba ayiphelise.

USoldaat uthi ukubulawa kukaXakeka kubonakalisa ukuba kusekude engqinibeni.

“Uye (uXakeka) wagezelwa ngesini sakhe yindoda ethile ehamba netshomi zakhe yaqala ingxabano.  Le ndoda imhlabe kathathu waze waswelekela esibhedlele. Kubonakala ngathi oko singcwaba ilesbians ezibulawa ngenkohlakalo nangendlela ezingumnqa ukususela ngo2016,” utshilo.

Umhlali waseStrand uLubabalo Luvalo uthe bazakwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba lo menzi wobububi uphuma aphele kule ngingqi. “Asinakuhlala nomntu onje kaloku. Into emnandi yeyokuba uyaziwa. Icacile useza kubulala nabanye abathandana besini sinye. Yintoni ingxaki yakhe khona ukuba umntu wathandana nabani,” utshilo.

Uthe abantu abanje ngaba babangela igama lamadoda lidume kakubi. ULuvalo uthe iyamangalisa into yokuba kusekho abantu abasacinga ngolu hlobo kweli xesha likhoyo. “Kanti iiTV, oonomathotholo, amaphephandaba namakhasi onxibelelwano zenza ntoni. Icacile abafundi koko batyebisa nje amehlo ze ingqondo ishiyeke ingahlambekanga.”

Nangona amapolisa ebengekaphenduli, uSoldaat noLuvalo bathi ubanjiwe umrhanelwa.