Ubushushu obungaqhelekanga eMpuma Koloni

Izanuse zezulu keli leMpuma Koloni zilumnkisa uluntu ukuba luzikhusele kwimeko yamaqondo obushushu obungaqhelekanga kweli ukusukela ngentseni yanamhlanje.


Othethe egameni lezizanuse uGarth Sampson uthi idolophu yaseKoega, Addo kunye nedolophi yaseMonti zezona zinamaqondo aphezulu obushushu. IKoega ihleli kumashumi amathathu anesibhozo, logama iAddo neMonti benezinga lobushushu elikumashumi amathathu anesithandathu epesenti. Obu bushushu buhamba nolophu olubangela ukuba kubenzima nokuphefumla ngenxa yomoya oshushu.

USampson uthi abantu mabazikhusele kulemeko ngokuthi bazigcine kwindawo ezikhuselekileyo.

“Ukuzivalela endlini,umntu amamele ingcebiso kunomathotholo nomabonakude, kuyekwe ukusetyenzwa nzima,kunxitywe impahla ezinganzima emzimbeni,”utsho uSampson.

Ucebisa ngelithi abo bathanda inyembezi zikavitoli mabazicezele ngenxa yalamaqondo aphezulu obushushu basele amanzi ukuze bancedise imizimba ukulwa nobushushu.

Oku kungabangela ukuba kuvuke imililo yamadlelo kwindawo ezinengca eyomileyo.