UButho noYolanda Vuthela baphehlelela ‘Okumanywe nguThixo’

Iimvumi zomculo weGospel uButho kunye nenkosikazi yakhe uYolanda Vuthela eOrient Theatre eMonti, apho bebephehlelela icwewe labo elithi Okumanywe nguThixoUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

IBIZELE ngamanxila omculo iOrient Theatre eMonti, apho iimvumi zomculo wegospeli – uButho kunye noYolanda Vuthela – bebephehlelela icwecwe labo elithi ‘Okumanywe nguThixo.’

“Abantu mabangoyiswa ngumtyholi, sonke singabakaThixo kwaye injongo kaThixo yeyokuba abantu mabathandane, baxhasane bayeke ukunqunqana izithende. Kufuneka singabantu sibeke uThixo phakathi kwethu kuba okumanywe nguye akunakohlulwa ngumoya ongendawo.” UNkosibonile Mphakathi weqela lomxhentso laseNgqeleni elalilawulwa ngongasekhoyo uSaba Mbixane i4X4 uhlomle wathi, “ Intle kakhulu into yokuba sizimvumi singaqwalaselisi kwinto eyenza umculo wethu wohlukane koko sigxile kwinto enokusimanya, oko kungaluphelisa uchuku kuba apha simenywe yimvumi yegospeli.”

“Mayiphele into yokuba iimvumi zalapha ziyokuzixhaphazisa kwezinye iidolophu. Iphupha lam, kukubona ngenye imini zonke ezi mvumi sizibona kumabonakude zakweli phondo kwiqonga elinye, lalapha eMpuma Koloni,” utshilo uButho Vuthela.