‘Ubutyebi busaxhanyulwa ngabathile kweli lizwe’

UMongameli uCyril Ramaphosa esothula iDesmond Tutu Peace LectureUmfanekiso:PHANDO JIKELO

“LIWONGA ukuzalelwa kwisizwe samaqhawe amabini aphumelela iimbasa zoxolo anguNelson Mandela noDesmond Tutu.”

Oku kuthethwe nguMongameli weSizwe uCyril Ramaphosa ngelixa ebesothula intetha yakhe kwiDesmond Tutu Peace Lecture ebibanjelwe eArts Cape kule veki.

“Yinto ekufanele ukuba sizingce ngayo singabi nekratshi, sibenentobeko kwaye siyilandele sisisizwe. Njengabemi boMzantsi Afrika sinenyhweba yokubandakanywa nala maqhawe ehlabathi, awaziwa ngegalelo kumzabalazo de avunywa lihlabathi liphela ngokuzisa uxolo nozinzo kweli lizwe,” utshilo.

URamaphosa uthe uMandela noTutu banika ithemba, hayi kuMzantsi Afrika kuphela, apho kwakugquba ubandlululo ngokobuhlanga kodwa nakwinginginya yabantu kwihlabathi liphela abanqwenela ingomso elinoxolo nozinzo.

“Liwonga kum nenyhweba ukothula le 8th Annual Desmond Tutu International Peace Lecture. Ukususela oko yasekwayo, isetyenziswa njengendawo yokuxoxa banzi ngomzabalazo wokuzisa uxolo nobuntu ehlabathini. Ngoko ke ndivumeleni ndivakalise umbulelo ongazenzisiyo kuArchbishop Emeritus Desmond Tutu ngokuchitha ubomi bakhe esebenzela uxolo, imvisiswano nobulungisa,” utshilo.

Uvumile ukuba alunakubakhona uxolo ehlabathini bengekalingani abantu ngokwempucuko.

“Alukho uluntu olunganoxolo ngaphandle kokuba bonke abantu banganamalungelo alinganayo.

SinguMzantsi Afrika, siyayazi ukuba uxolo ayikokungabikho kweemfazwe kodwa nokungabikho kobulungisa. Kusekho izigidi zabantu bethu abasaphila phantsi kwendlala, abangabandakanywanga ezimalini.

Asinakuthetha ngenkululeko yokwenene xa amalungelo aphantsi komgaqosiseko ezempilo esemgangathweni, imfundo esemgangathweni, izindlu ezindilisekileyo nococeko zixhanyulwa ngabambalwa. Asinakuthetha ngenkululeko epheleleyo xa ubutyebi belizwe buxhanyulwa yi10% kuphela.”

Uthe asinakuthi ifikile inkululeko kubantu bonke de kulungiswe inkohlakalo yorhulumente wobandlululo owafaka inqatha emilonyeni yabantu abambalwa.

“De silungise oko ngokuthi sakhe isizwe apho ubutyebi nomhlaba buza kwabiwa ngabantu bonke, asinakuzingomba izifuba sithi lukhona uxolo,” utshilo.