Uceba: Yeyantoni iOxford eMonti?

“IGAMA elithi Oxford liseNgilane ngoko ke kufuneka silisuse kwisixeko sethu.”

Oku kuthethwe nguceba waseBuffalo City uXolani Witbooi, ngethuba lomsitho wosuku lweAfrika eMonti kwiveki ephelileyo.

UWitbooi uthi amagama ezitalato neendawo zokuhlala eBuffalo City, ingakumbi eMonti, akaxeli imbali yesi sixeko – endaweni yoko axela imbali yezinye izizwe.

“SiyiANC kule ngingqi siyenzile inkquleqhu yokutshintsha igama elithi Buffalo City sayibiza njengeDr WB Rubusana, igqala lomzabalazo eladlala indima ekusekweni kweANC. Siyakunqwenela ukuba nomasipala buqu abizwe njengeDr WB Rubusana kodwa ke siyakuqonda ukuba oko kunenkqubo yako,” utshilo uWitbooi.

UWitbooi ubalule esona sitalato side nesidume kunene eMonti iOxford esithi asixeli mbali yeli lizwe.

“Sesinye sezitalato ekufuneka zitshintshile kwesi sixeko. Xa sithetha ngebuyambo nokuzidla ngeAfrika, masibeneendawo kwaneezitalato ezithiywe ngamagorha ale ndawo,” utshilo uWitbooi.

“Sifuna ukulanda imbali yethu ukuze ikwazi ukuxela ngendlela eyiyo isixeko sethu.”

UWitbooi uthi kunyakamali ozayo, lo masipala uza kuxhabashela phezulu nenkqubo yokutshintsha amanye wamagama esi sixeko.

“Sesihambele phambili kakhulu ngoku. Inkqubo yokuthethana nabahlali sele yenziwe yagqitywa kwezinye iindawo. Ngoku sikwisigaba sokuphethula le nkqubo. Ukubona ukuba siyithathele ingqalelo le nyewe, sifuna ukuba ibekho kuhlahlo lwabiwomali ka2018/19.

“Sifuna kutshintshe negama lesikhululo seenqwelomoya salapha eMonti. Kaloku amagama eendawo zesixeko sethu kufuneka axele futhi aqamele ngamagorha ethu, hayi abantu esingabaziyo,” utshilo uWitbooi.

Amanye amagama ekudala ekwiingxoxo zotshintsho aquka ukutshintshwa kweQuigney kuthiwe yiMhlonyane, iVincent ibeyiSister Aidan, iBeacon Bay kuthiwe kukuNondyilo, iSouthernwood ibeyiTebekana ze iGonubie ibeyiQunube.

Kodwa isixeko sichula sinyathele kulo mba wokutshintshwa kwamagama nanjengoko kukho abantu abathi akuyomfuneko oku.

“Ewe kukho abantu ekufanele sithathele ingqalelo yeemvakalelo zabo ngalo mba. Kodwa sokuze sijongele phantsi imbali ngenxa yokuba sisoyika ukuba abantu baza kuthini,” woleke njalo uWitbooi.