Ucela uncedo owawelwa yindlu!

UNomalanda Hlutywa (48) waseCabaze KwaBhaca (Mount Frere), wamkelwa zizindlu kwimvula eyayinkulu kunyaka ophelileyo, nto leyo yabashiya bengenalo ikhaya.

Ngoku uhlala nabantwana, abazukulwana nomalume. Bebonke basixhenxe kwigunjana elimxinwa.

UHlutywa uthi okumenza alahle ithemba nangakumbi kukuba abantu abawelwe zizindlu kulo nyaka ka2021 emva kwakhe babhaliswa ukuze bakwazi ukufumana izindlu, kwaye bafumana iingubo noomatrasi kodwa yena wayewelwe kunyaka ophelileyo akakacholi nto efana noncedo kuceba wabo. UHlutywa ukuMasipala iMzimvumbu kwaWadi 27, uceba wakhe nguSiphokazi Soldat.

Igunjana elilala abantu abasixhenxe KwaBhaca UMFANEKISO: UTHUNYELWE

UHlutywa uthi ngobusuku obuthile kwaqala kwawa elinye igumbi ngenxa yemvula enkulu, besajonge leyo kwawa eli bakulo icala. Bemka beyokuxhwarha emzini. Uthi kuba wayengafuni ukuhamba engcuchalaza, wathi akukhutshwa nosapho lwakhe kumzi ababexhwarhe kuwo, wabuyela kwakhe apho wazama ukonyusa elinye icala kwenzele bakwazi ukube befihla iintloko, ngokokutsho kwakhe.

“Ndaye ndaqonda ukuba mandibuyele emzini wam ndizame ukuwuvusa kunokuba ndiphinde ndiyokuxhwarha komnye umzi. Ndicinga ukuba ndakukhawulezelwa kuba kubonwa imeko esihlala phantsi kwayo nguceba kuba kude kwanamhlanje.”

“USoldati wadlula apha kum esuka kumaxhoba ebemkelwe yimizi kulo nyaka ngenxa yemvula nawo, wathi eyam ingxaki zange ifike kuye, kufike ezi aye kuzo zalo nyaka. Kodwa ngokolwazi lwam wayexelelwe yikomiti ngengxaki kunyaka ophelileyo. Mna zange ndibonelelwe nangoku bebebonelelwa abantu ngeCovid-19,” utshilo uHlutywa.

Le nkosikazi ithi icela kuye nabani na onokuthi ayincede ikwazi ukuba nendawo nosapho lwayo.

Kwindlu enye awakwaziyo ukuyivusa, wayivusa ngemali yepeyi yabazukulwana abathathu bakhe neyesikolo abambe kuso. Uthi kwale mali yile bakwajonge kuyo kwiimfuno zekhaya nezabantwana ekhayeni.

UBalungile Mavela olitshantliziyo nocelela uncedo lo mama, uthi okumsusileyo ekubeni afunele uncedo lo mama kukuba akukhonto icacayo kwaye kungekho ncedo alufumanayo naphi.