UCele ugqala isisombululo kudushe loonoteksi eMthatha

UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele UMFANEKISO: ANA

UMphathiswa omtsha wamaPolisa uBheki Cele uzakuba seMthatha ngoLwesibini ngeenjongo zokugqala kwisisombululo sodushe loonoteksi osele lusube imiphefumlo eliqela kummandla waseMthatha neziphaluka.


Bangaphaya kwamashumi amathandathu abantu abasele bebhubhile ngenxa yolu dushe ukusukela ngo2016, apho kuquka abanini beeteksi, abakhweli, abaqhubi kwanabancedisi (conductors).


Olu dushe lumalunga nomzila wendlela uR61 ukusuka eLusikisiki ukuya eSajonisi, eLibode naseMthatha.


Zizanyiwe iinzame zokusombulula oku phakathi kweenkokeli zemibutho yoonoteksi iBorder Alliance Taxi Association ne-Uncedo Services Taxi Association, kodwa nkqi isisombululo.


Iingxelo zithi uCele kulindeleke ukuba abhengeze imigqaliselo yokuphelisa nya olu dushe, xa ebambe indibano nabo bachaphazelekayo eMthatha ngoLwesibini.