Uchul’ ukunyathela unobuhle waseGcuwa

Sinazo MBEKENI

USinazo Mbekeni (18) waseMdantsane kwaNU 9 yintwazana evunyiweyo ngokucondoba eqongeni kwicandelo loonobuhle eMnquma eGcuwa.

Oku kulandela emva kokuba ephumelele uMiss Butterworth kumsitho woonobuhle obubanjelwe eGcuwa ngoMgqibelo.

Iijaji zivumelene ngazwinye ukuba intwazana yakwaMbekeni yeyona ikwazileyo ukuhamba iqonga ukodlula iintwazana ibikhuphisana nazo ebezingaphaya kweshumi elinesine.

UBuhle, ukumila kakuhle kwakunye nokuhamba iqonga ngaphandle koloyiko, zizinto ezithe zanempumelelo kweli nenekazi laseMdantsane. UMbekeni ufunda kwiYunivesithi iWalter Sisulu kwikhampasi eseBika eGcuwa, nto leyo emnike ithuba lokuba akwazi ukungenela kwabanoobuhle baseMnquma. Ukanti wenza izifundo zezolawulo kule yunivesithi kwaye sele ephumelele iwonga lokuba nguMiss SASCO waphinda waphuma kwindawo yesibini kuMiss Freshet, nangona ebeqala ngqa ukungenela koonobuhle kulo nyaka.

Emva kokuba ephumelele uMiss Butterworth uthe khange ayicinge into yokuba angaphumelela njengoko ingumntu obeqala ukuzibandakanya noonobuhle kulo nyaka.

“Nangona bendiyiqala kulo nyaka into yoonobuhle kodwa ndibenenyhweba yokuphumelela uMiss SASCO ndaphinda ndaphuma kwindawo yesibini kuMiss Freshet,” uqhube watsho. Uthi lo nto imchulumancise kakhulu njengoko ebeqala ukungenela oonobuhle kulo nyaka, kwaye imenze wazithemba ngexesha engenela kuMiss Butterworth.

Impumelelo yakhe uyibona njengento emkhuthazayo kweli candelo ukuba aqhubele phambili kulo. Ukanti kwicala labafana, uLwando Futshane waseZizamele kwilokishi esecaleni kwaseGcuwa, ibenguye ophume phambili wanguMr Butterworth.

UFutshane ebengaqali ukuphumelela koonobuhle kuba kwiminyaka embalwa edlulileyo ukhe wanguMr Khanya FM.

Abaphumeleleyo bafumene ivawutsha eziqala kwi-R1 000 ukwehla kwaye bazakuzisebenzisa kwiivenkile ezahlukeneyo kwidolophu yaseGcuwa.

Abaququzeleli bathi kunyaka ozayo bazimisele ukuba ukhule lo msitho nangakumbi ingakumbi kwicala lamabhaso kwakunye nabaxhasi bawo.