UDalindyebo ulindelwe yintolongo

Xa ede wangena kwintolongo iWellington eMthatha, uKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo akazukuhlala namanye amabanjwa, koko uyakukhangelelwa indawo yakhe.

Oku kuthethwe sisithethi sesebe leenkonzo zoluleko eMpuma Koloni, uZama Feni.

Isebe lezobulungisa kuzwelonke liqinisekise ukuba alikafumani ngxelo okanye mbalelwano enokuthintela ukuba angavalelwa namhlanje uKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo.

Othetha egameni lela sebe uMthunzi Mhaga uthi, akukho mbalelwano evela kumongameli okanye kumphathiswa wela sebe ethintela ukuba angayi entolongweni uDalindyebo. “Okwa ngoku akukho mpawu zokuba umongameli nomphathiswa bangangenelela kulo mcimbi wokuya entolongweni kwe Kumkani yabaThembu, nanjengoko oko kunokuphazamisana nomthetho,” ucacise watsho uMhaga.

Ela sebe lithi, okwangoku akukho sicelo sivela ngakwiKumkani yabaThembu ibongoza ukuba ingavalelwa.

Liyezisa liyaduma, liyagqekreza kuDalindyebo nanjengoko zicuthekile iintsuku zenkululeko yakhe kuba namhlanje ilusuku lwakhe lokugqibela engaphandle kwentolongo. Kulindeleke ukuba aye entolongweni esiya kudontsa isigwebo seminyaka elishumi elinesibini ukusukela ngomhla wamashumi amabini anesine kuDisemba walo nyaka.

UDalindyebo ulahlwe lityala lokubetha, ukutshiza imizi namasimi abantu nokuphazamisa ingalo yomthetho kwiziganeko ezenzeka ngonyaka ka1995 nonyaka ka1996. Isebe leenkonzo lezoluleko lithi likulungele ukwamkela leKumkani.

UFeni uncokole nephephandaba I’solezwe lesiXhosa malunga noku. “Kulindeleke ukuba uKumkani angene kwintolongo yaseWellington eMthatha, kwaye uzakuyinikwa imbeko enikwa amabanjwa athile xa esentolongweni,” uhambise watsho uFeni.

Lo kaFeni wenze umzekelo wamabanjwa angamapolisa kunye namagosa entolongo, esithi anikwa indawo zokuhlala ezizodwa.

“Ngokomzekelo xa sibambe abantu abathile (amapolisa,namagosa entolongo) siye sibavalele kwigumbi elilodwa engahlali namanye amabanjwa angumndilili, kodwa kwezinye izibonelelo bayalingana,” uhambise watsho uFeni.

IKumkani yabaThembu kulindeleke ukuba yenze intetho yayo kwisizwe sayo namhlanje, phambi kokuba ibhekise umbombo kwintolongo yase Wellington eMthatha.

Ukanti umbutho weeNkosi zemveli (Controlesa) kweli phondo, uzame ngako konke ukucela umongameli uJacob Zuma ukuba angenelele ukuthintela ukubanjwa kwale Kumkani.