UDumi Mkokstad uzimanye ngeqhina lomtshato!

Imifanekiso: Ithunyelwe

AMAGQIYAZANA ayagqushalaza ngumsindo kumakhasi onxibelelwano emva kokuthi saa kweendaba zokuba isithandwa sawo somculo weGospile, uMdumiseni “Dumi Mkokstad” Nzimande akasekho semarikeni yamasoka.

Ngokwemithombo yeendaba, uDumi uzimanye ngeqhina lomtshato noGqr. Ziphozenkosi Mthembu, oyintombi yeBhishophu yePower of God Ministries uSifiso Mthembu.
Kuvakala ukuba uDumi ulilungu lale nkonzo eMgungundlovu kwaye ngokutsho kwenqaku leDaily Sun ukhulele kwikhaya likaBishop, kwakude kucingwe ngomnye wabantwana bakhe.
Amagqiyazana akruneke iintliziyo kumakhasi onxibelelwano athi iivoti zeCrown Awards uyakuzichola phantsi.
UDumi kuthiwa wacela isandla somtshato kule ntombazana ngempelaveki yePasika.
Sithi halala kwesi sibini!