Ufunyenwe ezantsi kobuhlanti odlwengulwe ngumelusi

UEmihle Tukani (12) odlwengulwe akugqiba wophulwa ilungu lentamo yindoda yaseXhorha

Ifunyenwe phandle ezantsi kobuhlanti kwaye ize, ingenampahla intwazana egama linguEmihle Tukani (12) edlwengulwe yophulwa ilungu lentamo yabhubha kwilali yakuMputhi eBhaziya, eMthatha. Udlwengulwe yindoda eyaziwa ngelikaMqwathi nenama47 ubudala nebisebenza njengomalusi wemfuyo kule lali, nebhubhileyo nayo sithetha nje.

Kwindlu ebihlala uMqwathi kufunyenwe igazi kwibhedi kaMqwathi nento eyenza ukuba kukholelwe ukuba esi senzo sibi emntwaneni senzeke kule ndlu. Impahla yona yomntwana ayaziwa apho ikhoyo njengoko efumaneke eze.

UEmihle ugetyengwe ngorhatya ngeCawa umhla wesithathu kule nyanga kumzi okufutshane nakowabo. Oku kuza emva kokuba wayethunywe ngumakhulu wakhe kumzi ohlala uMqwathi ekubeni ayokuthatha imali engangeR10 ebeyiboleke kuMqwathi yokuya edolophini kwipeyi azokwengeza kwiR18 ebenayo njengoko ibiziintsuku zepeyi.

Umama wexhoba uZoleka Tukani uthi uyivile incwina yomntwana wakhe kweli gumbi likaMqwathi ngethuba eyokukhangela umntwana wakhe, ebona engade abuye ekuthunyweni kwakhe.

Uthi ufike kwaMqwathi wathi ufuna umntwana wakhe, uMqwathi akavuma ukuba angene kodwa uthi wabe eyiva incwina nomkhohlelo otsho kabuhlungu ngaphakathi kule ndlu. Uthi uphinde wawuva lo mkhohlelo wanyanzelisa ukungena, uMqwathi akavuma wamtyhiliza ekubeni angangeni esithi akukho Emihle.

Ixhoba liza kungcwatywa ngoMvulo kwiveki ezayo umhla we18. Kuvakala ukuba uMqwathi ngowaseXhorha eBhaziya wayeze ngokuzokolusa.

UEmihle (12), ebengumfundi kwisikolo iMputhi J.S.S esenza uGrade 5. Ebekwalilo nelungu leNkciyo.

NgoMvulo kule veki veki kubanjwe umthandazo kuloEmihle kuyokugxwalwa emswaneni nguMasipala iKSD kwakunye neO.R. Tambo, amapolisa, iinkosi kwakunye nemibutho elwela amalungelo abantwana namanina efana neKhula Community Dev Project.

Usihlalo weNkciyo kummandla waseKSD, uNonyameko Langa encokola neli phephandaba, uthi kona akululanga basothukile sesi sehlo.

“Kodwa noko intlungu iyacuntsuka akufani nangeza ntsuku bekusandukwenzeka esi sehlo kuEmihle. Kunzima nokuba sincokole ngoEmihle kwiintombi zeNkciyo ebezihamba naye akumnandanga, nabo bothukile kukushiywa ngomnye wabo kwaye ngolu hlobo lubi kangaka,” utshilo uLanga.

Ngokokutsho kukaLanga, umasipala uthembise ngokuncedisa kwinkonzo yomngcwabo wexhoba.

UPetros Majola weKhula Community Development Project uthe sokuze bathule kuza kude kulunge nokuba kunini na. Umntwana makaphumle ngoxolo. Ukwahlabe ikhwelo kwiinkundla zomthetho ekubeni zenze isigwebo esiqatha xa zigweba, esakuthi zibe ngumzekelo nakwabaninzi abenzi bobubi.

UEmihle ebeneminqweno emihle ngobomi bakhe kuba wathabatha isigqibo sokuzibandakanya neNkciyo, enjongo yokukhulisa, ukuphuhlisa kwanokuqeqesha ngokwasengqondweni abantwana abangekaphathwa nkwenkwe.