UGreat Stone umema abaphandle naphakathi ecaweni ngomculo

Imvumi yePop Gospel uGreat Stone

UMCULO wePop Gospel kaGreat Stone usebenza njengesixhobo sokuchukumisa abangaphandle nangaphakathi ecaweni.

Lo ngumnqweno wale mvumi enkaba ikwilizwe laseNigeria nesele izakhele igama kwiqonga lomculo weli loMzantsi Afrika.

UGreat Stone, owazalwa enguTony Eze, ukwakhuthaza evuselela abo bafelwe lithemba ngomculo wakhe.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa, uthi umculo wakhe ngowomntu wonke.

“Unesingqi esishukumisayo. Wonke umntu uyagungqa xa ewumamele. Ngowomntu ongaphandle nangaphakathi ecaweni,” kutsho uGreat Stone.

Iingoma zakhe asele ezikhuphile ezifana noWinnerman kunye no-No Border zishumayela uxolo, imanyano nokukholelwa ubani kwisiqu sakhe.

“UWinnerman ushumayela ukuba ubani akholelwe kwisiqu sakhe. UNo Border umemelela uxolo nobumbano kumaAfrika,” kuncokola uGreat Stone.

UWinnerman, nowakhutshwa ngonyaka ka2015, waphumelela indondo yeBest Contemporary Gospel Song kumawonga wesithathu weKumkani FM.

UGreat Stone washiywa ngumama wakhe ngonyaka ka2016, kwaye uthi oko kwamenza abhale iingoma egameni likamama wakhe.

Ingoma yakhe ethi ‘Tribute To My Mom’ yamnika iwonga leBest Male Artist & Best Newcomer kwiGauteng Gospel Music Awards ka2017.

UGreat Stone unezicwangciso zokugqiba icwecwe lakhe nevideo yakhe ebizwa Kingdom.