Ugwetyiwe owabulala usana ngocelemba

USifiso Ntombi (22) waseMhlahlane  kuGatyana eMpuma Koloni ugwetywe iminyaka emithandath,  egwetywa yinkundla yamatyala engingqi yakuGatyana emva kokufunyanwa kwakhe enetyala lokuxabela uAkhanye Maxalanga nowayenonyaka omnye ezelwe.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa  uKapteni Jackson Manath,  ukugwetywa kukaNtombi kulandela emva kokuba wathi wanokungavisisani nomama kaAkhanye.
“Umama wexhoba wayeyalela uNtombi ukuba athobele abantu abadala angabindlongondlongo kubo kanti uyonile.
Ngethuba bexambulisana,  uNtombi warhuthula ucelemba waxabela, kanti utsho emntwaneni wabe umntwana esemqolo,” utshilo uManatha.

Umntwana wabhubha kwangoko kwindawo leyo yexhwayelo, oku kwenzeka ngomhla wesibhozo kweyoMqungu ka2018 kwilali yaseMthonjeni eMhlahlane kuGatyana.

UNtombi uza kuchitha  iminyaka emithandathu entolongweni.