Ugwetyiwe owadlengula usana elithathe kunina

Ugwetywe iminyaka elishumi elinesibhozo uSimphiwe Damane yinkundla kamantyi yakuGatyana emva kokufunyaniswa enetyala lokudlwengula.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka uKapteni Jackson Manatha, uDamane (28) wadlwengula intwazana eneminyaka emihlanu ebutsheni balo nyaka.

UManatha uthi, uDamane wadibana nexhoba lihamba nonina walo ngomhla wesixhenxe kweyoMqungu, emva kwentsimbi yesihlanu, walicela kunina ukuba limkhaphe baye kumzi okufutshane. Oku kwenzeka kwilali yaseLubomvini kuGatyana.

Umama wexhoba walikhulula ukuba lihambe nesi sidlwengu, engarhaneli nto kuba iyindoda ekwikhaya elimelene nelo lexhoba. UDamane wayidlwengula le ntwazana kwindlu engasetyenziswayo akugqiba wayikhulula yagoduka, yafika yabikela unina.

Inkumanda yamapolisa aseGcuwa uBrigadiya Stanely Sibhidla uthe esi sigwebo siyakuba sisifundo nakwabanye abenzi bobubi.