Ugwetywe ubomi ngokubulala umyeni kabuhlungu!

USiyolise Duda (Bongiswa Myeki), 43, ugwetywe ubomi neminyaka engaphezu kwamashumi amane entolongweni emva kokulahlwa lityala lokubulala umyeni wakhe uAndile Duda ngo2019.

UDuda waxhwilwa ekhayeni lakhe kwilali yaseDophu eMtsheko, eCacadu, waza waya kubulawa ngokuhlatywa ngebhozo ngamadoda amathathu awayethengwe yinkosikazi yakhe kwihlathi laseCala.

UDuda ebesebenza njengedindala lasentolongweni ngethuba ebulawa ngabo nqevu babe kwiyelenqe nenkosikazi yakhe.

IJaji ebichophele eli tyala, ichaze uSiyolise njengexoki elidala elithethe izinto ezingekhoyo oko liqalile eli tyala.

“Kubungqina bakho oko liqalile ityala ngo2019, unike ingxelo ezikhabanayo, nomnakwenu naye unike ingxelo ebesingenakuyithemba kule nkundla,” itshilo iJaji.

Ixhoba laxhwilwa likunye nomninawa walo onguManelisi Duda ukuya kugwintwa kwelo hlathi laseCala, kodwa wasinda yena uManelisi.

“Baphikisana ngokundibulala mna, wathi omnye bebethunywe ukuba babulale lo ulidindala lasentolongweni, bahamba, ndasinda ngolo hlobo,” kutsho uManelisi.

Enye yamadoda ayebanjwe ngesi sihelegu yajika yaba lingqina lenkundla, yaza ngenxa yoko yakhululwa eluvalelweni. Amabini amadoda nawo agwetywe ubomi entolongweni neminyaka engaphezu kwamashumi amahlanu umntu ngamnye.

Eli tyala litsale umdla wabahlali ukusukela oko laqala ukuqhubeka kwinkundla kaMantyi eCacadu.

Ezithethelela kule nkundla, uSiyolise utyhole umyeni wakhe ngokuba wayembetha, kungoko wathatha isigqibo sokuba amthengele oonqevu bambulale.

Ukanti iJaji ithi ayifumananga bungqina bubonisa ukuba ixhoba lalimbetha unkosikazi walo.

“Kuwo onke amangqina ebelapha, alikho elingqinela ukubethwa kwakho, amangqina ebelapha ebesithi wena ububetha umyeni wakho, ngoko ndikufumana ulixoki!” kutsho iJaji.

UDuda wabulawa ngentseni yomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMdumba (Feb) ngo2019, kodwa ngokukhawuleza kwamapolisa oMzantsi Afrika, abatyholwa babanjwa ngokukhawuleza bonke.

Evakalisa izimvo zakhe, uManelisi Duda owasinda kwesi sihelegu uthi uyavuya ukuba eli tyala lide lafikelela esiphelweni salo.

“Ndiza kutsho ndikhululeke ngoku ndiyokufuna umsebenzi eKapa, kwaye noxinzelelo ebendikulo lehlile ngoku, ndiza kutsho ndiphile kakuhle,” kutsho uManelisi.

Ngethuba beqhuba lo msebenzi, aba baxhwila indoda ethile eMthatha kumzi obolekisa ngemoto baza baqhwesha ngalo moto ukuya eCacadu.

IJaji ichaze indlela eyaphatheka ngayo kabuhlungu indoda eyayixhwilwe nalo moto.

“Nafaka umntu ebhutini yemoto ixesha elide, ubomi bakhe busesichengeni, esiva kabuhlungu ixesha elide, ngenxa yezi zizathu ndibona kufanelekile ukuba ndininike isigwebo eside,” itsho iJaji.

USiyolise uya kudontsa ubomi bakhe bonke entolongweni eshiya ngasemva oonyana ababini awabafumana phambi kokuba atshate noDuda.

Esi sibini sadibana kwidolophu yaseJoji phambi kokuba umyeni atshintshelwe eCacadu nekwalikhaya lakhe.

Amalinge egqwetha lamabanjwa okucengela isigwebo esifutshane awe phantsi ngenxa yokungadibani kobungqina obunikwe nguSiyolise kweli tyala.

“Isigwebo esinje siya kunika umyalezo omhle nakwabanye abasacinga ukwenza izenzo ezikumila kunje, umgaqosiseko uyakuvumela ukunikwa kwesigwebo eside kwiimeko ezinje ngezi zokubulawa kwabantu ngokungenalusini, ukuxhwila nezinye,” itshilo iJaji.