Ukhatywe yigusha esifubeni wabhubha!

Usapho lakwaMbali kwilokishi yakwaNomgxeki eQumrha lusanxunguphele ngokubhubha komnakwabo uXolani Mbali, nobhubhe emva kokuba ethe wakhatywa yigusha esifubeni.

UXolani, 43, ubhubhe ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo kwisibhedlele saseQumrha emva kokuba esiwe esibhedlele ngumphathi amsebenzelayo kwifama yakhe eseMooiplus.

Ingxelo ephuma kusapho nabayive ngabebehleli noXolani kuthiwa ukhatywe yigusha esifubeni wawa ngethuba bezilayisha iigusha emotweni kwifama eseQumrha bezisa kweseMooiplus.

Uthe akungaphakami emva kokukhatywa yile gusha esifubeni, umphathi wakhe wambalekisela kwisibhedlele iQumrha.

UPheliwe Mbali ongusisi kaXolani, uthi umntakwabo ibingengomntu uhlutshwa nasesinye isigulo nangona umphathi wakhe esithi ukrokrela ukuba mhlambi ebengumntu onentliziyo.

UPheliwe uthi bakukhululwa ziziphumo zoqhaqho eziza kuthi zenziwe kumzimba kaXolani nekulindeleke ukuba olo qhaqho lwenziwe ingaphelanga le iveki.

USiphiwo Mbali ongumkhuluwa kaXolani uthi ukubhubha komninawe wakhe kumphatha kakubi kakhulu kuba kuqubulisile njengoko esithi ebengengomntu uhlutshwa zizigulo.

Uthi unethemba lokuba uza kuxola emva kokuba engcwatyiwe, okwangoku kusenzima ukwamkela ukubhubha kwakhe kanje.

“Kunyaka ophelileyo bekungcwatywa umama wakhe njengokuba ngoku sijongene nokungcwaba yena. Ngendingaxhelekanga kangaka ukuba ebegulile, angasuke aqubuliseke kanje. UXolani ebengengomntu unanxa nabantu, ebezishushela qha njengamntu wonke kule lokishi kwaye engahluphi mntu, ebethandwa ngabantu,” utshilo uSiphiwo.

Olu sapho lakwaMbali aluthathi ntweni kwaye noXolani ebengenawo umbutho awubhatalayo, ngoku lucela uncedo.

Usapho luthi sele luthembele kumphathi kaXolani malunga nomngcwabo kuba uzithathile iimpepha zikaXolani, watsho esithi uza kubhatala nendawo leyo umzimba kaXolani usaphumle khona.

Inkonzo yomngcwabo kaXolani iza kuba ngoMgqibelo kwiveki ezayo umhla wama28 KwaNomgxeki eQumrha. Ingxelo ithi ebesenethuba elide esebenza kwezi fama uXolani.