Ugwetywe ubomi owadlwengula inkosikazi ekhulelweyo

Indoda yaseMqanduli inikwe isigwebo sobomi emva kokufunyanwa inetyala lokudlwengula inkosikazi eselula ekhulelweyo, neyade yalahlwa ngutat’ omntwana wayo ngenxa yesi sehlo.

UVelile Mendwana (32) welali yaseBonga eNenga, eMqanduli, walandela inkosikazi eneminyaka engamashumi amabini anesibini (22), eyilandela kuba le nkosikazi yayivela kwindawo yentselo kwinyanga yoMnga ngo2014.

Emva kokuyilandela, wayitsala wayokuyidlwengula ubusuku bonke kwikhaya lakhe.

“Le nkosikazi yayishiye le ndawo yentselo kuba ifuna ukugoduka iyokulala, kodwa esi sidlwengu sayitsala ngokuyinyanzela siyisa ekhayeni laso, kwakule lali inye, apho safika samdlwengula izihlandlo wayokumkhulula ngosuku oluzayo,” kutsho isithethi seGunya-Bantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali.

UTyali uthi uMendwana ebesoloko ethe gqolo ukuxelela inkundla ukuba wayevumelene ngokwabelana ngesondo nexhoba, de wabiza abantu abathathu esithi ngamangqina wakhe.

“Kodwa ngethuba lokuqhuba kwetyala umtshutshisi wombuso uMelikaya Dyakopu, ebekhokele ubungqina bokuba la mangqina ayengekho ngethuba kusenzeka isehlo sodlwengulo,” utsho uTyali.

UTyali ukwathe ixhoba likwaxelele inkundla ukuba lade lohlukana notata womntwana walo, emva kokuba libike ukuba lidlwengulwe nguMendwana. Lo kaTyali uthi bayasamkela esi sigwebo, watsho esithi sakusebenza njengesithintelo sezehlo zodlwengulo.