Uhanjiswe ze iiyure ezintathu ehlathini lipolisa

“Ndithe ndakufika emotweni yakhe wandikhomba ngompu entloko, wathi mandikhwele sahamba sade sakufika ehlathini eTyhume, sifike wathi mandikhulule zonke iimpahla wandibetha iiyure ezintathu kulo mzimba ungezantsi, esithi mandichaze le ndoda ndithandana nayo!”

Esi siganeko senzeke kwinenekazi lase Hogsback eliminyaka ingamashumi amabini anesibini elicele ukuba lingadizwa igama lalo ngelikhusela usapho lalo. Ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga yeKhala ipolisa eli lityelele elinenekazi kwindawo eliphangela kuyo emva kokuba bebesele begqibe iveki bohlukene.

“Ngale mini ebecela ukuba sibuyelane kuba bendimlahlile, ndavuma wemnka umzuzwana wabuya sele endinyanzela ukuba ndikhwele emotweni endikhombe ngompu, kanti uzakundixhaphaza endihambisa ze ehlathini elimnyama,” lithethe latsho ixhoba. Eli polisa linyanzele ixhoba ukuba liguqe ngamadolo lithandaze lona lingqunga phezu kwexhoba nomkhono wekati.

“Ebendibetha ngesandla apha emzimbeni endikhaba nokundikhaba esithi mandithethe inyani, bendisoyika ukuba andidubulele ehlathini ndingaziwa apho ndifele khona,” litsho ixhoba.

Igama lexhoba nelepolisa liyaziwa lelip hephandaba. Ipolisa linyanzele ixhoba ukuba bayekulala ekhayeni lalo nalapho livalelwe iintsuku ezimbini.

“Akakhange andilale esithi yena akanakulala nesifebe, undivalele ngoMgqibelo umhla weshumi elinesihlanu wandikhulula ngoMvulo, ngeCawa kwakumele ukuba ndiphangele; ebenditshixela endlini!”

Ixhoba lifake isimangalo emapoliseni aseHogsback licela ngoku ukuba likhuselwe kwelipolisa. “Akakhange afike enkundleni ngomhla wamashumi amabini ananye, laza ityala lamiselwa umhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga ezayo, inkundla isikhuphile isigunyaziso sokuba angaphinde asondele kum nangaluphi na uhlobo.

Ukanti unina wexhoba uxhalabile ngenxa yesisiganeko kwaye akanalo ithemba kumthetho welizwe loMzantsi Afrika.

“Sixhalabile kakhulu ngenxa yeziziganeko sizibona kumabonakude zokubulawa kwamanenekazi ebulawa ngabantu abathandana nabo,” kutsho unina.

Lo mama uthi akanathemba lokuba lizakutshutshiswa eli polisa kuba kudala bengamaxhoba olwaphulo-mthetho kwela khaya.

“Ngo-2004 umama wadlwengulwa wabulawa kwezi fama zase Hogsback, akuzange kubanjwe mntu kunanamhla oku, andinalo ithemba kumthetho weli lizwe.”

Ingxelo yabakwaStatistics South Africa (Stats SA) yonyaka ophelileyo ithi inenekazi elinye kwamahlanu aminyaka ingamashumi asibhozo liyaxhatshazwa rhoqo ngosuku kweli loMzantsi Afrika.

Ngenyanga yoMqungu kulo nyaka kwabulawa kabuhlungu uAkhona Njokana ebulawa yindoda awayethandana nayo, uThapelo Ramorotong wabulawa waza watshiselwa emotweni yindoda athandana nayo, uMeisie Molefe watshiswa wabulawa naye yindoda athandana nayo, uMavis Mabala waduka waza wafunyanwa ehlathini umzimba wakhe, uSthembile Mdluli waduka waza wafunyanwa ebhubhile kokaTshazimpuzi kulo nyaka kwaza kwabanjwa indoda esisihlobo sakhe. Ukanti uKarabo Mokoena waduka waza kamva wafunyanwa engcwatywe kwingcwaba elingenzulu.

Othethe egameni lamapolisa aseMpuma Koloni uKapteni Khaya Thonjeni uthembisa ngokuqhuba uphando ngalo mcimbi waseHogsback, “Sizakwenza uphando olusemthethweni ngalo mcimbi ukuze sifumane iimpendulo ezichanekileyo.”