Uhanjiswe ze umfundi evalelwe kwindlu yangasese

Uhanjiswe ze evalelwe kwindlu yangasese isithuba seeyure ezintlanu umfundi ominyaka elishumi elinesibini wesikolo samabanga aphantsi iCarthcart RC Primary eKatikati.

Unina weli xhoba uvutha umsindo esithi uzakuthatha amanyathelo angqingqwa asemthethweni ngakwesi sikolo ukuze kubuyiswe isidima somntwana wakhe.

“Ndilivulile ityala kumapolisa aseKatikati ngakwitishalakazi eyenze le nto emntwaneni wam, kuba kuthwa umkhulule iyunifomu yakhe esithi bazakunxiba enye impahla,” utshilo unina wexhoba.

Ingxelo ithi abantwana bathunyelwe kwiholo loluntu benxibe impahla yabo yemajorethi, iyunifomu yesikolo beyishiye esikolweni.

“Abantwana baxelelwe ukuba ukugqiba kwabo umcimbi wemajorethi bazakunxiba iyunifomu yabo, zifikile iyunifomu banxiba abanye, lo wam ingekho eyakhe waxelelwa lo tishalakazi, wathembisa ukuba iyeza kodwa ayizange ifike oko ehleli ngepeyinti yena yedwa kwindlu yangasese abanye benxibile,” utsho unina wexhoba.

Kwinyanga yeDwarha kulo nyaka isebe lemfundo eMpuma Koloni linqumamise inqununu yesikolo saseDimbaza ngokuhambisa ze umfundi oyinkwenkwe phambi kwabanye abafundi. Ingxelo ithi ukuhanjiswa ze kwaba bafundi kusetyenziswa nje ngendlela yokubohlwaya amaxesha amaninzi ngotishala babo.

“Kwiveki ephambi kwale yenzeke ngayo le nto ndifumene ingxelo zokuba le tishalakazi inengxaki nam, ndaza ndaya kwinqununu ndisiya kumamela ingxaki, kodwa andizange ndifumane mkhondo, ndikrokrela ukuba umntwana ubelixhoba lalo meko ndingayaziyo nam,” uthethe watsho unina womntwana.

Unina wexhoba uthi uve kabuhlungu zingxelo zokuhanjiswa ze komntwana wakhe evalelwe kwindlu yangasese ixesha elide.

“Ndikhathazeke kakhulu, ingathi le nto yenziwa ngenjongo ethile endingayaziyo mna kunye nomntwana, ndibuhlungu sesisiganeko senzekileyo,” uthethe watsho unina womntwana. Ilizwe loMzantsi Afrika lakuphelisa ukubethwa okanye ukuxhatshazwa kwabantwana ezikolweni ukusukela ngonyaka ka-1997.

Ngonyaka ka-2012 ngamashumi amane anethoba ekhulwini epesenti abantwana abathi bangqina ukuba bayabethwa ngotishala okanye inqununu zezikolo zabo ngenxa yempazamo okanye ukusilela ukwenza umsebenzi.

Ekuqaleni kwalo nyaka intombazanana eminyaka isibhozo yaseFreystata uNthabiseng Mtambo wabhubhela esibhedlele emva kokubethwa entloko ngombhobho yitishalakazi yakhe.

Inqununu yesikolo iCarthcart RC Primary uNomalungelo Siphango akafumanekanga ukwenza ilizwi egameni lesi sikolo malunga nezi zityholo.

Ingxelo yeenkcukacha manani kweli iStatistics South Africa ithi iphondo leMpuma Koloni lihamba phambili ngamashumi amathathu ekhulwini lepesenti kwimpatho gadalala yabafundi ezikolweni.