UHlophe noDaki bahluke ngantoni

Imizi epapasha iincwadi kweli isoloko inesikhalo sokuba azikho iincwadi ezibhalwe ngolwimi lwesiXhosa ezishukuxa imicimbi yentlalo yabantwana abasaqalayo esikolweni.

Igqala lentatheli ekwangumfoti nomzobi uMartha Qumba ubhale incwadi ezama ukuphendula lo mbuzo esongeza kwiinzame ezenziwe ngabaninzi ababhale iincwadi zabantwana ngesiXhosa.

Incwadi ethi Wahluke ngantoni uHlophe kuDaki inabisa banzi iingxaki zamandlulo ingakumbi ezo zichaphazela abantwana kwizikolo abafunda kuzo.

“Ndenze uphando olunzulu kakhulu ngomcimbi wobandlululo nabantwana abamnyama, xa sithetha ngobandlululo sithetha kuphela ngeengxaki ezichaphazela abantu abadala sishiya ngasemva abantwana, abantwana bachatshazelwa ngqo lubandlululo ingakumbi aba sibathumela kwizikolo ezixubileyo,” utsho uQumba.

Lo mbhali usebenze kumaphephandaba ahlukileyo aseKapa ebonakalisa umdla wakhe ekubhaleni ngesiXhosa nangesiNgesi.

Amaxesha amaninzi iinkqubo ezithetha ngeengxaki zobandlululo eMzantsi Afrika nakwihlabathi aziqalisi ukuvelisa iingxaki zabantwana emakhaya okanye ezikolweni, kumaziko karhulumente nakwenzinye iindawo.

“Umntwana womhlobo wam wabalisela unina ukuba esikolweni afunda kuso utitshala wakhe webala uyabagona abange abanye abantwana bebala xa befika esikolweni kodwa yena akayenziwa lonto ngutitshala,” utsho uQumba.

Esi sihloko sale ncwadi sibuza umahluko phakathi komntu omhlophe kwakunye nomnyama ngazo zonke iindlela, iinzame ikukubonisa ukuba bayalingana, kwaye bayafana ngazo zonke iindlela.

Le ncwadi ipapashwe yinkampani yamanina ebizwa ngokuba yiNF Saliwa Publishing nesixelele ukuba ayiqali kupapasha incwadi ezishukuxa imicimbi yabantwana.

Othethe egameni lale nkampani uNcebakazi Saliwa uthi zininzi iincwadi ezisele zishicilelwe ngulo mzi.

“Zingaphezu kwamashumi amabini iincwadi esizishicileleyo phantsi kwegama lethu ngoku kodwa ezo zixoxa imicimbi yabantwana ngendlela ezahlukileyo,” ithethe oko le nkosikazi.

Le ncwadi imiselwe ngokusemthethweni ngomhla wesihlanu kule nyanga kwiziko iCentre for the Book eKapa neliziko lokumisela iincwadi.

Umbhali wale ncwadi ubhale kumaphepha afana neCity Vision kwakunye neVukani eKapa, engumbhali ozimeleyo ongaqeshwanga kwezi nkampani.

UQumba uthi akagqibelisanga ukubhala nanjengoko sele kukho incwadi asebenza kuyo.

“Kulo nyaka uzayo ndizakuba ndibhala enye incwadi. Umdla wam kukuba ndibhale iincwadi ezingaqhelekanga ingakumbi ezo zixoxa imicimbi eyahlukileyo entlalweni,” utsho uQumba.

Iingxaki zobandlululo ezishukuxwa kule ncwadi zingxaki ezixakileyo kanye ngoku kweli loMzantsi Afrika, oku kuthetha ukuba le ncwadi ibhalwe ngexesha elifanelekileyo.

Abantu abamnyama nabamhlophe kweli basaqhubeka ukubandlululana ngokwebala, bebizana ngamagama ahlukileyo, abanye bathi abanye zinkawu, maxa wambi abanye kuthiwe zimfene.

Ukuvulwa kweliso labantwana kwimicimbi yobandlululo kunganceda ikamva leli ibe leliqaqambileyo, itsho ingxelo yombhali.

siyabulela.mqikela@inl.co.za