UJulius Malema ubuyela enkundleni eMonti ngo2020

Ayikhange ibe lixesha elide inkokheli yombutho ophikisayo iEFF uJulius Malema ekunye negosa lezokhuseleko uAdriaan Snyman beme phambi kweNkundla kaMantyi yaseMonti ngoLwesithathu ngethuba bevelela izityholo zamatyala ababekwa wona.

Ngokokutsho kweGunya-Bantu lezoTshutshiso, uMalema kwakunye noSnyman bajongene namatyala amahlanu, kuwo aquka nelokukhupha umpu esidlangalaleni kunyaka ophelileyo ngoJulayi kwibala lezemidlalo iSisa Dukashe eMdantsane.

Lo mbutho kungethuba wawubhiyozela iminyaka yawo emihlanu usekiwe kweli bala, nalapho ibala lalime ngeembambo, libomvu ngombala ngamalungu kwakunye nabalandeli balo mbutho weEFF. UMalema wakwenza oku sele uphela umsitho kubhiyozwa, esiva ihlombe, wakhupha lo mpu wadlala ngawo.

Atyholwa naye, uSnyman, ujongene netyala lokungathathi manyathelo afanelekileyo njengegosa lokhuseleko ukunqanda ubungozi obunokwenzeka kwinginginya. Ityala limisiwe izolo eMonti kuba igqwetha laba batyholwayo lisaqokelela okunokudingeka kweli tyala kwanokuphonononga le vidiyo yaseSisa Dukashe ibonisa uMalema edubula emoyeni.

Esi sibini siza kuphinda sivele kwakhona ngomhla wamashumi amabini anesine kuFebruwari kunyaka ozayo.