Ukhale iinyembezi uTutu kwimibhiyozo ngegalelo lakhe

Njengesiqhelo ulile iinyembezi uBhishophu uDesmond Tutu ngethuba kuqhutywa inkonzo yemibhiyozo yeminyaka engamashumi amane athe wayichitha ekhokele kumanqanaba ahlukeneyo enkonzo yamaTshetshi eMzantsi Afrika.

Le nkonzo yokunika imbeko kweli gqala iqhutyelwe e-St Mary’s Catherdral eRawutini ibikhokelwe ngunjingalwazi umfundisi Barney Pityana ibikwazinyaswe ziibhishophu eziphezulu kwezakwalizwi.

Ngomyalezo obhalwe yibhishophu yama Tshetshi eKapa uThabo Makgoba wenze amazwi okunika imbeko kwel gqala.

“Inkonzo yethu ibingenakufika kule ndawo ikuyo ngaphandle kokuzinikezela nokuzincama kwakho emsebenzini weNkosi, ngale minyaka ingamashumi amane siyabulela ngokuzincama kwakho,” utshilo uMakgoba.

Lowo wayesakuba ngumongameli weli uThabo Mbeki kunye nalowo wasakuba ngusekela mongameli weli uKgalema Motlanthe bebephakathi kweendwalutho ebezizimase lo mcimbi.

Ethetha ngethuba esamnkela izipho uDesmond Tutu ukwazile ukuzilawula iinyembezi, wathetha esenza amazwi ombulelo.

“Kuwe njingalwazi Barney Pityana ngombono ololu hlobo kwiBhishophu ezahlukileyo kwiqela iMilonji kaNtu, enkosi kakhulu kulowo wayesakuba ngumongameli weli uThabo Mbeki, bendingakulindelanga ukunikwa imbeko ngamadoda amakhulu afana nani,”utshilo uTutu.

Uncome inkonzo yakhe ngokukodwa eSt Mary’s esithi uninzi lezinto ezibalulekileyo ebomini bokukhonza kwakhe zenzeke kwizakhiwo zale nkonzo.

“Ukwamnkela kwam igunya lokuba yibhishophu kwakulapha kule nkonzo, ndikhokele kule nkonzo ixesha elide kakhulu, ikho imfihlelo ekhoyo ngam nale nkonzo yase-St Mary’s, utshilo uTutu.

Ekuqaleni kwale nyanga uTutu ubhiyozele iminyaka engamashumi amathandathu ananye watshatayo nenkosikazi yakhe Leah Tutu.

UTutu utotobe wayakuma phambi kwesibingelelo ephelekwa yinkosikazi yakhe uLeah nalapho afike wabekwa izandla ziiBhishophu zenkonzo yaseTshetshi. Iqela lodumo iMilonji kaNtu belikhokhele kumculo obuculwa kulo msitho ngengoma kaNtsikane nezinye iingoma.

UDesomond Tutu yenye yeenkokheli zakwalizwi ebisoloko ihamba phathakathi kwabahlali ngexesha lomzabalazo enika inkxaso ngeendlela ezahlukileyo. Lo kaTutu uyaziwa ngokuthetha phandle koorhulumente abahlukileyo xa kukho into angahambisaniyo nayo.

UTutu ugxeke ngokucacileyo iimbono zikamongameli uThabo Mbeki malunga nesifo ugawulayo ngexesha ebephethe uMbeki, ukanti akakhange alibazise ukugxeka uJacob Zuma nolawulo lakhe ekhuthaza uluntu ukuba luthethe phandle ngeengxaki zelizwe loMzantsi Afrika.