Ukhululwe obanjelwe ukuba umntwana wakhe

Abaqhankqalazi phambi kweNkundla kaMantyi eMonti, apho bekuvela khona umama wosana olwaxuthwa yimantyi eyayisakuba ngumqeshi wakhe. Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ULUTSHA lweANC kwaWadi 27 eBuffalo City, lithethana namagqwetha alo ngeenjongo zokuncedisa uPhumza Kadeni ekubeni afumane umntwana wakhe, owathathwa ngumantyi uMichelle Pillay.

Umntwana kaKadeni, oneenyanga ezisibhozo kuphela, wathathwa nguPillay ngethuba lo kaKadeni wayengumsebenzi ekhitshini kwaPillay, ngelithi ufuna ukumbeka phantsi kokhathalelo oluluqilima nanjengoko uKadeni ehlala kumatyotyombe aseMzamomhle eGonubie.

Xa egxothwa emsebenzini uKadeni, egxothwa nguPillay, lo mantyi waseMonti akazange avume ukunikeza ngomntwana.

Emva kokujijisana kwinyanga ephelileyo bebanga le mveku, uPillay uye enkundleni wafumana isigunyaziso sokuthathela ngakuye umntwana isithuba senyanga logama kuqhutywa uphando malunga noyena ufanele ukugcina le mveku.

Ngokwesi sigunyaziso nangokwesithintelo senkundla, uKadeni ebeyalelwe ukuba abone kanye ngeveki umntwana wakhe okwaPillay.

UKadeni ubanjwe ngamapolisa ngempelaveki emva kokuba ethubelezise umntwana, kwizihlobo zakhe, ngethuba ebeyokumbona.

Isithethi samapolisa uKapteni Khaya Tonjeni uthi uKadeni ubanjelwe ukophula umyalelo wenkundla.

UXolisa Jita wolutsha lweANC kwaWadi 27 uthi bafuna ukubandakanya abomthetho kule nyewe. “Amalungelo kaPhumza anyhashiwe. Wawuyibona phi into yokubanjelwa amalinge okufumana umntwana wakho,” utshilo uJita.

Kule veki uKadeni ukhululwe ngebheyile yamakhulu amahlanu eerandi, ze ityala lakhe lamiselwa umhla weshumi elinesibhozo kwinyanga kaCanzibe.