Ukugxotha ikati eziko

Usapho lakwaZinja lunomzi omtsha. Eli ibilibali lethu langoLwesihlanu, elichukumisayo. Kulo nyaka uphelileyo saqala ngokubathengela iRice, sabukela umntwanana wapha ongu-Olwethu eyipheka.

Yayiyimeko engathethekiyo, ingakumbi xa sijonga ubugxwayiba bomzi ababehlala kuwo. Imifanekiso yabayiyo ebalisa eli bali libuhlungu kangaka. Kwade kwakho nowekati eyayilele eziko. Ngethamsanqa urhulumente walisabela eli bali; lasondela isebe lokuhlaliswa kwabantu kwaqaliswa ukwakhelwa olu sapho umzi.

Kule nyanga iphelileyo, besikhe sanalo nebali le ntwazana eyangenela ukhuphiswano lwemoto, layiphumelela. Xa silandela le mpumelelo, safumanisa ukuba usisana lowo wayesuka kwindlala engathethekiyo ezilalini. Kwanyanzeleka bayithengise nalo moto wayeyiphumelele ukuze bakwazi ukuphucula ubomi babo.

Indlala ayondlwana iyanetha, kunzima phandle apha. Kunzima ukuba isazela somntu singachukumiseki xa ungena kwiilali zakweli. Uye uxakwe nokuba baphila njani abantu. Wofika usapho lonke lujonge kwimali yenkam-nkam katatomkhulu okanye umakhulu. Kule mali kuphuma imali yesikolo, imali yeempahla zabantwana kunye nemali yokutya. Yonke le nto kwiwaka elinesiqingatha seerandi.

Kuphinde nakumakhaya athile kubekho umba wokumitha kwabantwana abangamantombazana, kwande inani labantwana.

Asazi nokuba bekumele ukuba kunqandwe ukumitha kwamantombazana, kufundiswe ngocwangciso namakhwenkwe asebenzise iidyasi zikamkhwenyane okanye kugxilwe kumba wokuphuhlisa ezoqoqosho nokudalwa kwamathuba engqesho?

Esiyaziyo yeyokuba kubanzima mpela ukuphuma kwindlala, inani labantu abakwindlala lisonyuka kolo sapho.

NgoMgqibelo siqaphele usuku lwehlabathi lendlala, into engangezigidi ezingama-795 zabantu zibhuqwa yindlala kwihlabathi jikelele. Kusafuneka kusetyenziwe, kufuneka siyilwe le ndlala, singene kwezolimo, sityisane.