Ukulungele ukushiya isikhundla usodolophu

Usodolophu waseNgcobo uLamla Jiyose uthi kule minyaka mihlanu exhuzula iintambo kule dolophu, mkhulu umahluko athe wawenza yena nesigqeba sakhe, kwaye ngoku ukulungele ukubeka phantsi iintambo.

Oku ukuvakalise ngelixa esithi thaca uhlahlo-lwabiwo mali lonyaka ka2015/16 kubahlali bale dolophu.

OkaJiyose ungene kwesi sihlalo ngonyaka ka2011 yaye uthi wenze kangangoko enako ukuzisa utshintsho olufunwa ngabantu kunye nokuphucula le dolophu, watsho ebalula izinto athe wazenza ezifana neendlela, ufakelo lombane kwiindawo zasezilalini, ukwakhiwa kwamaholo oluntu kunye nenkxaso kwiiprojekthi zasekuhlaleni.

Ibhunga kumasipala waseNgcobo linooceba ababini bombutho iUDM, nomnye weNFP nabo bathi ibentle intsebenziswano phakathi kwabo noJiyose ngaphandle kokungaboni ngasonye kwezopolitiko, kodwa yonke into abathe bayenza bayenze bebeke iimfuno zabantu phambili yaye banqwenela ukuba umntu oza- kungena ezihlangwini zakhe asebenzisane nabo njengoko enzile uJiyose.

Ayinguye wonke ubani oxolileyo lulawulo lukaJiyose nanjengoko izihlandlo eziliqela umbutho wabahlali iSANCO uye wabamba uqhankqalazo ngemiba ebandakanya iinkonzo zalo masipala. Usodolophu uphefumle ngalo mba ekho nawo amalungu eSANCO watsho esithi zonke izikhalazo zihoyiwe yaye uphando luyaqhuba.

Kumba womhlaba iSANCO ethi uthathwe ngumasipala ngesinyanzeliso, usodolophu uthi umasipala usebenzise umhlaba awuthengileyo yaye unazo iimpepha ezingqina intengo leyo.

Evala intetho yakhe eshiye abasebenzi balo masipala benyembezana uJiyose uthe unethemba kulowo uzakungena ezihlangwini zakhe ukuba akayi kubadanisa abantu, ubulela ithuba alinikwe ngumbutho olawulayo lokuba aphathe.