Ukumazi umntu lithamsanqa!

Sisakhula abazali, oomakhulu nootatomkhulu akukho nto babeyigxininisa ukogqitha ukunika umntu imbeko, ukumhlonipha umntu, ukumxabisa umntu nokuba mdala okanye mncinci kunawe, kunye nokumazi umntu.

Kwezi ziyalo bekuye kuvele nemfundiso ethi xa mntwanam okanye mzukulwana, unokuthi njengokuba ukhula nje, umxabise kwaye umthande omnye umntu ngolu hlobo uzixabise okanye uzithanda ngalo nawe, uya kuhlala ubonwa njengelungisa, uphila njengomzekelo omhle phakathi kwabantu, kwaye uya kuhlala uthamsanqeleke kangangokuba izinto ezimbi nezinobungozi ukwazi ukuziphepha, kungenjalo zicezele kude kuwe.

Ngenxa yezi ziyalo zakhayo ke, umntwana okanye umntu ongena kwixabiso lokufikisa, elobuntu obukhulu ade naye abe kwixabiso lobuzali, uphela ezama ngako konke okusemandleni ukuba aphile emazi kwaye emhloniphile umntu ukuze angaphoswa ngamathamsanqa.

Phofu ke zidwesha sazi sonke ukuba xa uhlonipha, kulula ukuba nawe uhlonitshwe. Xa umthobela omnye umntu, kulula ukuba nawe uthotyelwe.

Xa usolula isandla uncede omnye umntu, awuthamsanqeleki nje kuphela, koko nawe uye ukubone kulula ukuhlangulwa nokuncedwa ngomnye umntu mhla udinga uncedo.

Khumbulani kaloku ukuba isandla kade sihlamba esinye, ngoko ke, nceda uya kuncedwa, hlonipha uya kuhlonitshwa, thanda uya kuthandwa, uze uthobele ukuze ufumane ukuthotyelwa.

Kwelinye icala ke, abazali noomawokhulu bethu ababeqeqesha ngendili, inzondelelo nangothando, kusakhiwa thina ukuze singaphukaneki, koko sibe ziindlela zenqwelo ngokuziphatha, babe ngafihli macephe nazitya kuza kuphakwa.

Babesiqeqesha besiyala ngelithi ukuba awuhloniphi, nawe awunakuze uhlonitshwe.

Ukuba usisibhoxi esiqaqadekileyo, uya kuphila ubomi bokuba ngungantweni ose wade watweza itakane. Babede batsho kabuhlungu ngelithi indlobongela itsala ubundlobongela, isihange sizibizela ubuhange, umbulali naye uya kubulawa, bagqibele ngelithi ukungamazi umntu kukuzibandakanya kuhambo lwendlela eya kwantshabalala, indlela ekhokelela kwisiphelo esibi, kwanendlela enesiwo esibuhlungu.

Nindiva ndihlomla ngeziyalo zobuntu nje, iziyalo zokumthanda nokumazi umntu nje, kungenxa yamava endiwabaliselwe ngumfundi wam wesiXhosa kunyaka wesibini, into kaMaqhankqa Zagula.

UMaqhankqa Zagula ngoku esephakathi kwimfundo enomsila, eza kwenza unyaka wesithathu owandulela owokugqibela kwizifundo zobutitshala, wazibona sele efikelwa lithamsanqa ebengakhange alilindele ngenxa yokumazi umntu.

Ibali lakhe xa ndilishunqelela lihamba lenjenje: “Uthe kwiveki ephelileyo ngoLwesine umhla wama24 kule nyanga imiyo, xa wayesiya kukhangela iincwadi kwithala leencwadi leyunivesithi yaseStellenbosch, esuka kumhlaba wasePere, wabona ixhego limi kalusizi phantsi komthi kumgaqo wale dolophu, mgaqo lowo ubizwa ngeAndringa Street.

Ulijongile nje wegqitha kulo njengabanye abantu ababegqitha bengabulisanga nokubulisa kwelo xhego lalifake umnqwazi omnyama onosiba olubomvu lentaka, kunye nebhatyi erhangarhanga ekwakubonakala iyeyodidi oluhle nolomeleleyo kwezo zabathungi bempahla yakwaPringle.

Uncome nje inkangeleko yale nkonde ezithethela ngaphakathi kuye, encumile, ezixelela kananjalo ukuba mhla waguga naye ufuna ukunxiba ngomfaneleko njengalo bawo.

Uqhubekekile ke nohambo lwakhe waya kufika kwelo thala ebesiya kulo.

Emva kweeyure ezimbini elapho, uye wawuqukumbela umsebenzi abe wuhambele, weva endleleni.

Into emothusileyo kukuba xa efika kulaa ndawo ebegqithe kuyo kumi ixhego, ukwafike liselapho, limi ngoluya hlobo ebegqithe limi ngalo, langa liqwalasele kwindlela ephambi kwalo, iimoto ziyaluzela, nabantu besihla benyuka.

Immangalisile le meko, waqonda ukuba makakhe eme abulise, azazise achaze oku akuqapheleyo malunga nalo bawo.

Uthe esathetha njalo, xa kanye ebuza ukuba kungani na bawo ukuba ume kule ndawo inye ithuba elingaka, wabona inyembezi zisihla kulo bawo.

Liphendule lisithi mfana, inokuba yiyure yesihlanu ndimi kule ndawo. Ndithe ndisawela indlela, ndisiya kuxoxa malunga nokuzithengela imoto entsha kulo mzi wakwaMercedes Benz ulapha kufuphi, suka amehlo agutyungelwa bubumnyama, ndamfameka, kangangokuba andiboni kwanto.

Eyona nto ibuhlungu kukuba emva kwezi yure zintlanu zonke, ungumntu wokuqala ukuma uzame ukuqonda. Uzibone zizihla ke nakuye iinyembezi, walithatha ixhego ngokwesicelo sakhe waligodusa.

Ethubeni lancedwa ngoogqirha ixhego laphinda labona, lambiza uMaqhankqa nanjengoko wayeshiye iinkcukacha zakhe.

Ixhego lacela ukumhlawulela yonke imali yemfundo yakhe, lakugqiba lamnika namathokazi amabini enkomo ngenxa yokumazi kwakhe umntu.”

UMaqhankqa akanatyala lemfundo yakhe, lihlawuliwe, kwaye sele engumfuyi, ngenxa yento nje elula nekhangeleka ingenamsebenzi, ukumazi umntu!