UKupelo uzikhuphele umculo wohlobo lweDeep House

Litha DeepLondon Kupelo

WAQALA eselula ngokweminyaka ukuthanda umculo wohlobo lweDeep House, kodwa namhlanje olo thando lukhokelele ukuba uLitha Kupelo (23) ozibiza ngelika-DeepLondon azikhuphele owakhe umculo.

UKupelo, nokwangumfundi wezifundo zeChemistry kwiYunivesithi iNelson Mandela Metropolitan ezinze eBhayi, uncokolele I’solezwe ngentsukaphi yolu thando lwalo mculo kwanegama lakhe uDeepLondon.

UKupelo yinzalelwana yaseMkhankatho eLibode, wakhulela kwisixeko saseMonti nalapho azinze khona ngoku.

“Uthando lomculo lwaqala ndisemncinane, ndiphulaphula kakhulu amacwecwe weSoul Candy, ndaphela ndiwuthanda lo mculo weDeep House, ngokuba kwawona uwodwa unomyalezo okushiya uphilile ngasemphefumlweni.

“Igama lam elithi DeepLondon lithetha ngohlobo lomculo endiwudlalayo nendiwenzayo iDeep House Music.

“Ndathi kuba lo mculo ndiwuthanda futhi ndifuna ukhule apha eMonti, ndanombono othi Deep House East London, kodwa ndabona izokuba nde mandiyishunqule ibenguDeepLondon,” uthethe watsho.

Uthi ukuqala ngoka-2013 besele ezixonkxela ezakhe iingoma encediswa ngumhlobo wakhe uKingwave.

Ngoku uDeepLondon uza nengoma yakhe ethi ‘’Greatest Thing In Life” nahamba noBenathi waseGonubie eMonti kuyo. Uthi ukwancediswe nguGary Ndlovu eLegends School of Contemporary kwicala lezobunjineli.

UDeepLondon usichubela ngale ngoma yakhe: “Le ngoma ithetha ngeyona nto yakhe yaba nkulu ebomini bomntu nawakhe wayinqwenela, ingaluthando, uxolo okanye uvuyo nokukhululeka ngokwasemphefumlweni.”

Ubala uBlack Coffee, uVinny Da Vinci, DJ Christos, Louis Vega, uRocco kunye noMobi Dixon njengeemvumi zolu hlobo lomculo ezibe negalelo kwisakhono sakhe.

UDeepLondon uthembisa ngecwecwe elipheleleyo ungaphelanga lo nyaka. “Ingalindeleka ekuzeni kuphela konyaka kuba ndiza kukhupha iingoma zibembini zibentathu ukuze abantu bandazi, basazi nesingqi somculo wam noko banokulindela kwicwecwe elipheleleyo,” utsho.

Ubalule umama wakhe nabantakwabo abaquka uSizwe Kupelo njengabamkhuthaza kakhulu kule ndlela yomculo. Ukwathe uzibona eyi-DJ eyaziwayo kwihlabathi lonke kwaye enenkampani yakhe yomculo ekhulisa italente eMpuma Koloni.

Xa ufuna ukuzivela kuncuthu lwengoma entsha kaDeepLondon, ungayisenga kwiminatha yeengoma efana no- iTunes, Traxsource, Beatport neSoundCloud.

Ungamazi ngcono ngokumndwendwela kwikhasi lakhe likaFacebook: DeepLondon Le Vinnyl, kuTwitter: @LeVinnyl nakwi-Instagram: levinnyldeeplondon.

simphiwe.freddie@inl.co.za