Ukuthi phithi ngamanani

Beligcwele ibala okanye belingagcwelanga? Ukuba beligcwele ithetha ukuthini lo nto? Ukuba belingagcwelanga ithethe ntoni? Kwelethu icala asiyonto ibaluleke kakhulu lo mxholo wamanani nokugcwalisa amabala.

Le nto inento yokwenza nenkubazeko yethu singabantu abantsundu; ukubhuqwa sisifo sika- “bazakuthini abantu!?” Andazi ukuba safikelela njani kwinqanaba lokuzijonga ngeso lezimvo zabantu. Wofika nasekuhlaleni kujongwe inani leemoto ezime phambi komzi xa kukho umcimbi okanye umngcwabo.

Uve kusithiwa ibingumntu omkhulu. Kanti eyona ibalulekileyo kukuba abantu abo bebeqhuba umcimbi bagqithese myalezo uthini okanye ingaba baxolile na.

Umzekelo, xa kungcwatywa abona bantu babalulekileyo kufuneka ibelusapho olu lulahlekelweyo, hayi ukuba bekukho ubani nozibani kumngcwabo kabani. Lakuxola nini okanye njani usapho kujongwe iinani leendwendwe kunye noosaziwayo abazimase umsebenzi wabo?

Injalo ke nakulo mcimbi wokugcwalisa amabala ebhola ekhatywayo ngabalandeli bemibutho yezepolitiki. Akumelanga ukuba oosopolitiki bethu bazixakekisa ngezinto ezinje. Wofumanisa ukuba liyagcwala ibala kodwa abantu abo bebelapho abahambi nanto ibambekayo, basuke baxelelwe ngamanani ezinto ezilungisiweyo, inani lezinto ezisazokulungiswa kunye nezinye izithembiso. Kugodukwe emva koko.

Akubikho nethuba lokuba iinkokeli zisondele ebantwini zive iingxaki zabo. Kanti ukuba le mibutho ifuna ukutshintsha inkangeleko yayo ebantwini kufuneka iququzelele imicimbi emincinci.

Ukuba aligcwelanga ibala, lithuba lokuba kuthiwe “sondelani ngaphambili, sinimamele!” Kusukwe kule nto yokuqhayisela abantu ngezinto ezenziweyo.

Eyona nto ibalulekileyo yeyokuba abantu baziva njani xa bethe badibana neenkokeli zemibutho yepolitiki.