Ukuthuka uMongameli

Abantu bangenza nantoni na ukuba bazuze udumo kwezi ntsuku. Khawufane ucinge lo mzobo mtsha ka Ayanda Mabulu usasazwa kumnatha wonxibelelwano. Chwethechwetheza la magama kuGoogle: “Ayanda Mabulu Zuma Painting” uzibonele loo manyundulu azakuthi gqi.

Uzakubona imizobo kaMabulu emininzi eveza amalungu angasese kaMongameli Zuma. Nathi kwigumbi lethu leendaba sikhe sawuxoxa umsebenzi walo mfo sagqiba kwelokuba asisayi kuyipapasha imizobo yakhe. Liphepha elifundwa ngabantwana besikolo, ziintsapho kunye nabanye abantu esibahloniphayo. Simhlonipha wonke umfundi weli phepha. Nokuba sekusithiwa ngumsebenzi wobugcisa umsebenzi kaMabulu asinokukwazi ukuwuxhasa.

Funda ngawo kwicala leendaba kweli lanamhlanje iphepha. Kudala lo mzobi ezoba umongameli Zuma; ukusukela pha koka-2010 wayekhwela ezehlela kumongameli esithi sisidlwengu, esithi akafanelanga ukuba yinkokeli yoMzantsi Afrika.

Koka-2016 usatyhala lo myalezo mnye kwaye ingathi uze ngamandla mpela ngoku. Phaya eConstitutional Hill eRhawutini kuvulwe umboniso womsebenzi wobugcisa onemizobo yakhe eliqela kwaye kukho nomnye umzobo apho asebenzisa amagama akrwada ecaleni kobuso bukaMongameli.

Asinokukwazi nokuwabhala kodwa phaya kumnatha wonxibelelwano ngumfanekiso obeke ubuso bukamongameli kwitoti yeLucky Star; ecaleni wadwelisa izithuko nendlela amcaphukela ngayo. Kubekho neveza amalungu angasese njengesiqhelo.

Ingaba isengumsebenzi wobugcisa xa umntu esebenzisa iqonga analo ukuba athuke umntu omdala, athuke umzali, athuke umongameli wesizwe? Ingaba le nto iyiDemokhrasi ayisebenzi na? Sele uMabulu lo eyokuthuka umongameli esidlangalaleni? Kutheni engamthuki ngevoti yakhe?

Phofu umzobi lo ukhangeleka ngathi ayingomntu uzihoye kangako izimvo zoluntu ngomsebenzi wakhe. Yena uthengisa umsebenzi wakhe wobugcisa kwaye abo abaziyo ukuba abamfuni umongameli uyabazi ukuba bazakuwuthenga umsebenzi wakhe.