Ukutyhilwa kwamaphupha

Ntombazana ithile endwebe kunene nebincokola naye wonke umntu olapha kwikhwela-khwela ebendiyiqabele iboleke iphepha-ndaba lam Isolezwe. Kuthe kanti njongokuba ndifunda yona imana isolula umqala wayo inyondla-nyondla kumanqaku asephepheni, ingandiphazamisi nganto ke phofu.

Ndithe ukuba ndilithi geqe, ndilisonga ukuba ndilibuyisele engxoweni, yandidomboza ukuba ndiyiboleke ifuna ukujonga eli nqaku lingokucalulwa kwamaphupha.

Andenzanga lizwi, koko ndisuke ndayidlulisela iphepha-ndaba elo ukuba ifunde. Kutsho kwathi cwaka enqweleni okwelo thutyana, abantu bazincokolela ngaphandle kokungenwa emlonyeni.

Yakukhova ilisongile yalibuyisela kum. Emva koko ithethe ijolise kwakum ivakalisa ukungoneliseki kwayo yindlela acalulwa ngayo amaphupha aloo mini.

Le ntombi isingise kum yanga ithi ndim lo mcaluli ingamvayo, kunjalo nje kubonakala ukuba ifuna ndiphendule. Ndibe ngadukisa, yanjeyaa ukundotha.

Ndithe ndingenanto yakwenza namaphupha ndinjalo ndaziva ndinyanzelekile ukuba ndibe nelizwi kulo nomandwebi, yabe nenqwelo ijonge kum nga iyamngqinela ukuba ndim ngenene omele kuphendula.

Ndamangaliswa ke noko sisimbo esinjalo, kuba ke ndicinge ukuba akukho ubendazi nganto kubo, ibe kukuthini ke ngoku ukulindela impendulo kum ndingafani nokufana nomcaluli obuso bakhe buphambi kwabo!

Ndizamile ke ukuthethelela umcaluli, ndisithi yindlela awabona natyilelwa ngayo yena leyo kwaye kuxhomekeka nasekucacelweni kwakhe yiloo nto ayibhalelwe ngabafudi bakhe besithi ngamaphupha abo.

Ndithe andiqondi ukuba umcaluli ubanalo ithuba lokubalandelela ngemibuzo ukufumana ulwazi oluzeleyo ukuze aphicothe ke.

“Hayi tata uyamthethelela lo mntu, bakhona abantu abakwaziyo ukuwacalula ngokuthe ngqo nangouthe gqathu amaphupha, lo ukha phezulu.” Itshilo le ntokazi ngokuqava okukhulu kucaca nje mhlophe ukuba ayiyithathi ndiyinika.

Kukweso sithuba kanye ke apho ndizive ndinyanzeleke mpela ngoku ukuba mandizimisele ukucacisa, yabe inqwelo sele iphinde yayibeka ngakum indlebe yayo. Eshe! Ndaza ndakuva zwindini!

Naliphi na iphupha, kubantu ke abaxhalatyiswa ngamaphupha, yinkolo. Ziinkolelo zabantu ezibanika ingqiqo yabo ngamaphupha abo.

Akukho ukucalulwa kwephupha ekuthiwa kungqalile kwaye kuyinyani engenakuphikwa ndawo.

Nditsho sele kusithiwa lifezekile elomcaluli, akubikho bungqina bokuba ngenene oko kwenzekileyo kukufezeka kwephupha, iba yinkolelo yodwa etshoyo.

Inkolelo ke ayinabungqina bubonwa ngeliso lenyama nobuphatheka ngesandla somntu, kuba ingumoya.

Abantu amaphupha bawacalula ze bawangqine ngokwenkolo yabo. Kungako oko abaphuphi bewasa kumtyhili ongowenkolo yabo.

Amaphupha atyhilwa ngokwenkolo. AmaKristu ayaphupha, ngokufanayo nabakholelwa kwimisebenzi yemimoya yabafileyo, kodwa iphupha lilinye alonakucalulwa ngokufanayo zezi nkolo zahluke kunene ngokwakwamoya.

Umzekelo, ukuphupha ulunywa yinja kwabakholelwa kwimimoya yabafileyo kuthetha ingqumbo yabafileyo, kuba inja ngumfuziselo wemimoya yabafileyo kubantu baloo nkolo.

Kodwa kumaKristu ukuphupha ulunywa yinja akunanto injengaleyo kuyithethayo, kuyafana nje nokuphupha nokuba yihagu okanye silwanyana simbi; uBukristu abunankolo ilapho.

Nditsho ndiyixelela ke le ntombazana namahlakani ayo abendiphendulisa into endingenanto yakwenza nayo, ukuba oyena mntu uphambukayo yiyo.

Ndithe ayikwazi ukulindela ukucalulelwa iphupha ngumntu ongenkolo yayo. Kukuphambana oko. Kufana nje nokudibanisa isinyithi nodongwe ucinge ukuba uya kutsho ngoqilima lwesitya kanti yinto eza kusuka izale iintanda iphasalake ingachukunyiswe nayimpukane, okwenkomo yomdongwe isuzelwe yinkwenkwe.

Iphupha nombono yinkolo. Inkolo yenziwa ziinkolelo. Iinkolelo zingumoya. Kambe ke, asililo lonke iphupha elinento eliyithethayo, kwaye iphupha nombono zizinto ezahlukileyo. Vukani kusile madoda! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.