ULuyolo ucwangcisa ikamva lakhe emva kwe-Idols SA

ULuyolo Yiba okwi-Top 17 ye-Idols SA

OKWI-TOP 17 kukhuphiswano lwenkqubo yomculo iSA Idols, uLuyolo Yiba, ukholelwa kwelokuba i-Idols liqonga lokubonisa ngetalente, akufanelanga ukuba iphupha lakho liphelela khona.

ULuyolo, 24, uphakathi kwabalishumi elinesixhenxe ababambe indawo ephezulu kolu khuphiswano lukhulu lokucula.

Ebencokolela I’solezwe lesiXhosa eMonti, ngosuku phambi kokuntingela eRhawutini ayokuqhuba nezigaba eziseleyo zeIdols.

Eli gatyana, eliseMonti ngokuhlala, nelinkaba iseMt Coke eQonce, lithi lizibona lifezekisa amaphupha alo ngaphaya kokhuphiswano lwe-Idols.

Liceba ukukhupha amacwecwe kwaye likhenketha lonke ihlabathi licula.

“Liqonga lokubonisa ngesakhono sakho sokucula ukuze uqatshelwe. Umntu kufanele aqhubekeke nezicwangciso zohambo lwakhe nokuba akaphumelelanga kolu khuphiswano,” kuvakalisa uLuyolo.

ULuyolo, owenze izifundo zeInformation Technology eWalter Sisulu University, uthi uqale eselula ukuzibandakanya nomculo.

Uthi ngethuba esekumabanga aphantsi, utitshala wakhe wamva ecula, emva koko waman’ ukunikwa iqonga lokuziqeqesha esikolweni apho.

Uthi la maqongana aye akha umdla wakhe nangakumbi, waze wangomnye kwabaseka ikwayala yamakhwenkwe esikolweni sakhe.

ULuyolo uthi ukhule ephulaphula umculo kaJohn Legend nowe-The Soil.

Ngethuba engenela uvavanyo lwee-Idols eKapa, waye wacula ingoma kaVusi Nova neyentandane yakhe uJohn Legend ethi You and I.

Uthi nangona uxinizelelo nokuzeya ebebanalo maxa wambi, kodwa ebethembe italente yakhe yokucula, ekomelezwa nayinkxaso ayifumana kubazali bakhe.

“Abantu ekufuneka bakwazi kukuba amaXhosa anetalente, iMpuma Koloni ihamba phambili kwezobugcisa,” kuqhayisa uLuyolo.

Ukwabongoze inkxaso yoluntu nanjengoko kuza kungenwa kwisigaba sokuvota kungekudala.

Le mvumi, ecula iingoma zeAfropop neR&B ubukhulu becala, ithi ngenye imini ingathanda ukusebenza neemvumi ezifana noSumthing Soweto, Ami Faku noDJ Prince Kaybee ngenxa yesakhono sabo kwezomculo.

Bebengamawakawaka abo bebenethemba lokuba zii-Idol zoMzantsi Afrika kule sizini yeshumi elinesihlanu, kwaye bekungelula.

Hlala neMzansi Magic ( Channel 161 ) rhoqo ngeCawa ngo17h30, uzibonele le talente ingaka kaLuyolo Yiba!