Ulwazi ezilalini ngeCovid-19

Xa ukhangela isantya esihamba ngaso isifo seCovid-19 kweli, uthelekise nesantya ahamba ngaso urhulumente kumacebo okuthintela esi sifo kuyacaca ukuba izakubakho ingxaki.

Amacebo karhulumente mahle ayancomeka, kodwa agxile kwabona bantu banolwazi, bafundile nabanokuzifundela lula ngesi sifo.

Abona bantu bangelwazi nandlela zakufumana ulwazi ngesi sifo basajampalaza bodwa kungekho luncedo lubonakalayo.

Ekuqaleni kwale veki sityelele edolophini kuCentane nakwilali ekufutshane nedolophu, inene akukho kwanto eyaziwayo ngabantu.

Indlela yokubulisana iseyileya indala, ubafumana bemile bencokola belinani eliphezulu, besondelelene, bambi kubo basancamisana ngala ndlela iindala.

Oku asikuko ukuba kujongelwa phantsi amalinge enziwa ngurhulumente ukulwa nesi sifo, kodwa kumele ukuba zingxamile ezinkqubo ngoku kodwa kwiindawo zasemaphandleni.

Imbali yesifo sephepha ibonakalisa ukuba abantu basemaphandleni babangamaxhoba kakhulu kunabantu abahlala ezidolophini. Kumakhaya aqhuba imicimbi enentselo zotywala ufumanisa ukuba abantu bavalelwe endlini enye, bexinene, besela kwibhekile enye, belinani elingaphezu kwibhekile enye.

Awusenakuthetha ke ngomcimbi wokuhlamba izandla xa kuzakutyiwa, sisilela kakhulu ukwazi umahluko onokwenziwa kukuhlanjwa kwezandla xa sityayo.

Kutheni urhulumente engangxami ukuya kufundisa ezilalini, ezi lali zizakujika zibengumthombo wokudidiyela esi sifo xa sifikile. Amaziko eMpilo ezilalini adinga izixhobo eziquka amachiza, izingxobo zokukhusela umlomo nezo zinxitywa ezandleni.

Okunika umdla kukuba iNkulumbuso yeli phondo uOscar Mabuyane akakhange akuphike ukuba ngenene ingakhona ingxaki xa kunokwenzeka ukuba sivele esi sifo kweli leMpuma Koloni.

Kodwa kunjalo kutheni kungathunywa amagosa, kusetyenzwe ngezi zikhoyo izixhobo. Ngamaxesha okulawulo korhulumente kaDaliwonga Mathanzima eTranskie, amagosa ezeMpilo ayengena ezilali kabini ngeveki exela ukuba kukho isifo esikhoyo okanye esizayo.

Ingaba sizakuzimela ngengxaki ezikhoyo ukuze kusilele ukukhuselwa kwabantu. Mawaphume amagosa karhulumente ngezi zikhoyo izixhobo ayekufundisa abantu ezilalini, iiNkosi zincedise ngokuthetha ezintlanganisweni.

Amajelo endaba onomathotholo basekuhlaleni kumele ukuba baxakekisiwe ngurhulumente kufundiswa uluntu. Ngenxa yokuba kufuneka kuphume oozithenda nezinye ayinakwenzeka lula lo nto.

Umbutho wezeMpilo kwihlabathi iWorld Health Organisation uyazi ngentleke ezenziwa zizifo emaphandleni, kutheni wona ungagxili ezilalini kwezinye zenkqubo zawo.