UMahlangu uzakucela ibheyile

KULINDELEKE ukuba lixoxwe ngoLwesihlanu ityala letshantliziyo uVusi Mahlangu obanjwe ngezityholo zokuphazamisa ingalo yomthetho ekwenzeni umsebenzi wayo.

UMahlangu ebevele enkundleni eMthatha ngoLwesihlanu. Ngethuba evela enkundleni umbuso ucele ukwandiselwa ixesha nanjengoko ubusafuna elinye ithuba lokuhlola ubume beenkcukacha zakhe.

Iingxelo zithi uMahlangu uxelele umphandi wetyala ukuba wakhe wagwetyelwa ityala elinye, kodwa iinkcukacha zamapolisa zibonakalisa ukuba sele ebanjwe amatyeli amathathu ubuncinane. Umtshutshisi uThembisa Ntloko ufake isicelo sokumiswa kweli ityala kodwa umantyi uMac Pauzi ubonakalise ukungonekiseki sesi sicelo.

Umphandi wetyala uKapteni Nceba Mdebuka uthe, kusamele aye eMpumalanga ayoqinisekisa ngedilesi kaMahlangu kwikhaya lakhe lokuzalwa.

Ukwathe umrhanelwa akanikezelanga ngesazisi sakhe lo gama esebenzisa imihla yokuzalwa emithathu ubuncinane.

Igqwetha likaMahlangu uBayethe Mahlangu uthi ukumiswa kweli tyala kwakhona ngesizathu esinye yindlela nje yokugcina umrhanelwa entolongweni.

UMahlangu uvele enkundleni ezichebile iiDreadlocks zakhe. Le ndedeba yabanjwa libutho lamapolisa iiHawks kwiveki ephelileyo.

Ukubanjwa kwakhe kulandela ukuduka kwakhe ngethuba esiya kwindibano yabasebenzi baseWSU eMthatha.