Umakoti udlwengulwe, wabulawa

Lusakhwanqisekile uluntu lwaseCala neziphaluka ziziganeko ezenzeke ebutsheni balo nyaka mtsha kwindawo eme kanye kumazantsi eentaba zeXhalanga.

Oku kulandela isiganeko esingundaba-mlonyeni eCala sokucholwa komzimba kamakoti sele edunduluzile ngempela-veki yenyibidyala.

Lo makoti esingenakumbhengeza igama ngaphandle kwemvume yabakwantsasana uqikelelwa kwiminyaka engamashumi amathathu anesithathu ubudala kwaye kurhanelwa ukuba uqale wadlwengulwa phambi kokuba abulawe kwaye nomzimba wakhe ubuqala ukonakala ngenxa yelanga ebelitshisa kanobom.

Umfi lo kutyholwa ngelithi waduka ekhayeni lakhe ngomhla weshumi elinesibhozo kwinyanga kaDisemba nyakenye. Amapolisa arhanela ukuba ukrwitshiwe lo makoti, emva kodlwengulo. Lo makoti ufunyenwe engazinxibanga iimpahla zakhe zangaphantsi. Uphando luyaqhuba.

Ukanti kwaphantsi kweentaba zeXhalanga kwaseCala, ngomhla wokuqala wonyaka omtsha kude kufuphi nesikolo iCala Community kubhaqwe umama obevathe izinxibo zaseSt John’s nobengekho zingqondweni kakuhle emgqubagqubane bubumdaka.

Ethetha nephepha ndaba I’solezwe lesiXhosa ongafunanga kuthiwa paha igama nowazibonelayo oku uthe: “Sathi xa sifika ngentseni yenyibidyala kwindawo apho lo mama wayelele khona sambuza ukuba ufuna ntoni? Kwaye kwenzeke ntoni?.

Waphendula ngelithi utyhaliwe kwabe kuphelele apho, kuba uthetha into enye yoba utyhaliwe kwaye wayemdaka kukhangeleka ukuba ebelele kwapha kubusuku obugqithileyo kwaye nala mvula yomhla owandulela inyibidyala yaphelela kuye”.

UWarrant Officer Boja Tseha wamapolisa ase-Alivani ojongene neCala uthembise ngokubuyela kuthi ngeenkcukacha ezigcweleyo ngezi ziganeko kodwa akafumaneka kwimfonomfono phambi koshicilelo lwenqaku.