UMasakazi utshintsha ubomi bamakhwenkwana

ULunga "D' Journ" Masakazi osungule umbutho onqwanqwada amakhwenkwana asakhulayo iMentor A Boy Foundation.

Amaxesha amaninzi kusoloko kukho amaphulo ajolise kubantwana abangamantombazana, enqabile lawo ajolise kubantwana abangamakhwenkwe ukuya kubafana. Kodwa uLunga Masakazi (27) nongumsunguli wombutho ongenanto yakwenza norhulumente obizwa ukuba yiMentor A Boy Foundation ojongene nokuphuhlisa, ukuxhobisa kwanokukhulisa abantwana abangamakhwenkwe eMonti, uyakutshintsha oko.


I-MABF kaMasakazi,  iqale kunyaka ophelileyo emva kokuqaphela ukuba inqabile imibutho ejongene nokuphuhlisa  amakhwenkwe  kwaye baninzi

abadinga ukuxhotyiswa kwanokuxhaswa ekukhuleni kwabo endaweni yokuba basoloko begxekwa. 

UMasakazi uthi eli phulo lizakuqhuba ezikolweni njengoko engekafumani ncedo esakhupha kuye empokothweni nangona nje eneminqweno yokuba akhule abene ndawo eyeyakhe.


“Kwezinye zezinto ezindenze ndaseka lo mbutho ikwalu hlobo endiye ndakhula ngalo ngethuba ndisengumfundi.

Ndikhule kakuhle nangona ndaye ndalitshona ibanga lam leshumi,  kwaqala ukubakho uxinzelelo kwane miceli mngeni. Ngelo xesha ndiye ndagaxeleka kwizinto njengawo nomphi na umntwana okhulayo.

 

“Kodwa ukuba ulwazi ndandinalo ngokwaneleyo ndicinga ukuba ngendingazange ndidibane neengxaki ezilolo hlobo.” utshilo uMasakazi.

Uthi kumaxesha amaninzi ukuqhekeza, ukuxhaphaza iziyobisi, ukudlwengula kuko okusoloko kusoyanyaniswa namadoda. Uthi ucinga ukuba bebe nokondliwa ngokolwazi zisuka nje bebengatshintsha.

Mininzi imixholo engaphakathi kulo mbutho ekuthethwa ngayo equka uhlobo onokuziphatha ngalo xa ukhulayo, nonokuba ungenzani ekuhlaleni ukuze kutshintshe imeko okuyo, ukanti bayathetha kwangezempilo.

Uthi bakwabafundisa nokuba umntwana xa ekhulayo makabe naye umntu ongumzekelo ajonge kuye.

UMasakazi uthi ucela inkxaso kurhulumente ukanti naseluntwini ukuze ukhule lo mbutho kwaye utshintshe nobundlobongela obungaka kweli phondo. 

Uthi ukholelwa ukuba xa kunokuthi kubekho utshintsho emadodeni ungabonakala umahluko. Ujongene nabantwana abangamakhwenkwe abaqala kwiminyaka esibhozo ukuya kwishumi elinesithathu, abanye baqale kumashumi amabini ukuya kwabangapha kwamashumi amabini anesihlanu nabanemixholo eyahlukeneyo.