Umasipala, nesikhululo sosasazo, kwiphulo lokonga amanzi

Isikhululo sikanomathotholo sasekuhlaleni iNdlambe Community Radio, ibambisene noMasipala iNdlambe kwiphulo lokufundisa uluntu lwasePort Alfred ngeendlela zokonga ukusetyenziswa kwamanzi.

UDodo Shuping ongumanejala wesikhululo iNdlambe FM uthe babone kuyinto efanelekileyo ukubambisana nalo masipala ekuncediseni ekongeni amanzi nanjengoko befikelela eluntwini olusebenzisa amanzi ngaphezu kokulindelekileyo.

Uqhube wathi, “Amanzi abalulekile kwaye xa singawaphathi kakuhle lonto ingasifaka kwenkulu ingxaki kuba ukuze senze izinto sidinga amanzi, amanzi ayimpilo.” Uthe olubambiswano baluqale kunyaka ophelielyo, injongo ikukubongoza uluntu ukuba amanzi liwasebenzise ngokufanelekileyo. Uthe abantu bawasebenzisa kakhulu amanzi ngexesha leeholide zehlobo, kwinyanga yoMnga, ukuya kweyoMqungu.

“Abantwana sukube bebuyile ezikolweninkwaye, uninzi lwabo ludlala ngamanzi, yilo nto sibonile ukuba masisebenzise ezinyanga zombini,” utsho uShuping.

Omnye wabahlali baseNdlovini nobekhona kwenye yeendawo ebekufundiswa kuzo ukonga amanzi uthe umasipala uncedile enze eliphulo kuba abantwana ngabo abamosha amanzi kwaye abanye abeva nokuba sele benqandwa.

Uqhube wathi, “Ixesha elininzi thina bazali asibikho emakhaya emini kuba siyaphangela kulapho bafumana khona ithuba likudlala ngamanzi, kwaye ndiyavuya kuba bakhona apha kwaye baninzi bazakuzivela ukuba bangawonga njani amanzi.”

Isithethi sikamasipala waseNdlambe uKhululekile Mbolekwa uthe nangona iindlela zokufundisa ngokonga amanzi zibanjwa ngenyanga yoMdumba ukuya kweyoKwindla, babone kufanelekile ukuba abafundise uluntu ukuqala kweyoMnga, ukuya kule sikuyo. Uthe isizathu soko kukuba zezona nyanga lonyuka ngalo izinga lokusetyenziswa kwamanzi kulo masipala.

Uqhube wathi, “Sibanendwendwe ezininzi ngexesha likaDisemba, kwaye amanzi asetyenziseka kakhulu, kanti nabantwana bavalile ezikolweni.”

Watsho esithi babonile ukuba xa benokungalenzi eli phulo lo nto ingakhokelela ekupheleni kwamanzi.” Ukwavakalise ukuba ngokusebenzisana nesikhululo sasekuhlaleni babonile ukuba izakubanceda kakhulu lo nto kuba abantu bayasimamela esisikhululo kwaye sithetha rhoqo ngokongiwa kwamanzi. Watsho esithi oko beqale eliphulo izinga lokusetyenziswa kwamanzi lehle kakhulu nto leyo ithetha ukuba amanzi awazomane ephela.

“Siyabulela kakhulu kubahlali ngentsebenziswano kwaye siyababongoza ukuba baqhubeke nokujonga indlela abawasebenzisa ngayo amanzi ukuqinisekisa ukuba sihlala sinawo,” utsho uMbolekwa.

UNandipha Faliteni waseNdlovini uthe lo masipala makangalenzi ngeenyanga ezithile eli phulo koko makalenze zonke iinyanga, kuba kubakubi xa amanzi engekho.