UMasipala waseMbhashe ulufungele enengqumbo ulwaphulo mthetho

UMasipala waseMbhashe wasungula iqumrhu lendibanisela yezokhuseleko (Mbhashe Community Safety Forum) ngeenjongo zokulwa ulwaphulo mthetho, nokuqinisekisa ukhuseleko kubemi baseMbhashe. Eli qumrhu yindibanisela yamagosa onyanzeliso mthetho kamasipala waseMbhashe (Law Enforcement Officers), namaPolisa, iiNkosi kunye nooCeba bale ngingqi.

Eli vela-tanci,lasungulwa ngenxa yezidube-dube ezazimandla kulo mmandla, kuquka ukuthengiswa kweziyobisi, ukugetyengwa kwabantu ngokungena lusini ngakumbi abadala abatyholwa ngokuthakatha, ukuqhutywa kwezithuthi ngabaphantsi kweempembelelo zomdiliya omfaxangiweyo kunye nokuphathwa kwezixhobo ngokungekho mthethweni. Eli qumrhu, lizijule ijacu, lifuna ukuqinisekisa ukuba lilusiphula neengcambu ulwaphulo mthetho kulo masipala. Emva kwesankxwe, ebesisenziwa ngabahlai bommandla wakuDoti, bekhala ngoonqevu abahlasela abemmi, baze bandule ukucanda amathafa, bebaleka ngamahashe. Eli qumrhu liye laphuma iphulo, labaphica naphantsi kwezi cithi abaGobithyolo. Emva kokufumana umkhondo, bathe babamba abatyholwa abathandathu, aboyanyaniswa nokonzakalisa ngokungenalusini amadoda amathathu kummandla ophakathi kwaseZone 14 nakuDoti, ngomhla we-27 Septemba 2017. Eli phulo lithe gqolo ukunika iziphumo ezincumisayo. Kwinyanga ephelileyo, emva kokuba abahlali bakwilali yaseWakeni, eNgxakaxha kwaWadi 02, benikeze isilumkiso (whistle blowing) bexela ukuba mzini uthile, kukho ushishino ngeziyobisi, eli gqiza lamagosa onyanzeliso-mthetho, laye lalanda ekhondweni.

Afika engabhungisanga emzini wenina elingenakuthiwa pa-ha ngenxa yokuba ityala lisaqhuba. Apho bathi bafumana imikhono yeekati emine, iziqhushumbisi (Stun grenade), kunye neentlobo-ntlobo zeziyobisi.

Kwathi kwabanjwa abarhanelwa abane ngezityholo ezahlukeneyo, baya kugcinwa kwisisele saseDutywa. “Sizimisele ukuluncothula neengcambu ulwaphulo mthetho kulo Masipala. Siza kuqinisekisa ukuba abemi bakhuselekile, yaye bakhululekile.” utshilo uMnumzana Mazola Mbomvu, uceba oyintloko wakwaCommunity Services.

USodolophu uSamkelo Janda, umemelele kubahlali esithi “Sicela intsebenziswano kuluntu lwaseMbhase luphela, masibambisane ekuqinisekiseni ukhuseleko kuluntu lwethu,” uqhubeke nokuncoma isenzo sama thandazwe, athe ahlaba ikhwelo akubona iimpawu zolwaphulo-mthetho ekuhlaleni.

Uluntu lwaseMbhashe luyacelwa ukuba lwazise eli qumrhu ngazo naziphi na izenzo zolwaphulo-mthetho ezenzeka kwimimandla yaseMbhashe, siyaqinisekisa ukuba uluntu luyakukhuselwa ngokuthi amagama abo angadizwa elubala.

Kucelwa batsalele uMnu Bhongo Chief Law Enforcement Officer kwezi nombolo zomnxeba: 082 209 0540.