Umdlali we-Imposter udanile yiMpuma Koloni

Thobani Mseleni

UMDLALI kamabonakude, othande ukuxhaphaka kakhulu kwimidlalo edidiyelwe yiFerguson Films kutsha nje, uThobani Mseleni, ugxeke urhulumente waseMpuma Koloni ngokungabaseli ‘so bengamagcisa aziinzalelwane zeli phondo.

UMseleni udlala kumdlalo i-The Imposter sithetha nje. Ebencokolela I’solezwe ngobunzima abathi bagagane nabo xa becela inkxaso kwisebe lezeNkcubeko nobuGcisa.

“Iyaphi imali? Kutheni kunzima kangaka ukuba sifumane inkxaso kurhulumente wethu?” utshilo.

“Sifuna imali yokusixhasa njengamagcisa azalelwe kweli phondo, sidiniwe kukuxhatshazwa eRhawutini, sifuna ukubuya sizokuphuhlisa italente yeMpuma Koloni,” udomboze watsho.

UMseleni, ozalelwe kwidolophu yaseBhofolo, udlale kwimidlalo efana neMatatiele, 90 Plein Street, iGold Diggers ne-The Imposter ukubalula nje kwembalwa.

UMseleni ukwanenkampani yakhe iThobani Mseleni Entertainment nathi iphuhlisa italente kulutsha oluseRhawutini.

“Xa iFerguson Films ifuna umdlali ozakudlala ixeshana iye itsho kwinkampani yam, mna ndize ndikhangele loo mntu,” uzingombe isifuba esitsho.

UMseleni ukwabongoze ulutsha ukuba malufunde ukulinda ukuze izinto zibenako ukwenzeka ngexesha elifanelekileyo.

Ucebise ngelithi utywala neziyobisi azingeze ziwaqaqambise amaphupha abo.

Ungabukela uMseleni kwi-The Imposter rhoqo ngeCawa kuDSTv Channel 161.