Umfazi kaNdudula kuthwa uthanda izinto zexabiso

UCHAZWE njengomntu othanda ukuphila ubomi beengcungcu uBulelwa Ndudula ojongene nezityholo zokubulala umyeni wakhe uSakhekile Ndudula, kwikhaya labo eliseCambridge West eMonti. Oku kudizwe ngamalungu osapho lakwaNdudula ngethuba ezokumamela isicelo sebheyile kwityala likaBulelwa kwinkundla kamantyi eMonti ngoLwesibini umhla wesibhozo kule nyanga. USakhekile wasweleka emva kokudutyulwa izihlandlo eziliqela ngomhla weshumi elinesine kweyoMsintsi.

UBulelwa wabanjwa kwiintsuku ezingephi emva kokuba kungcwatywe umyeni wakhe kwilali yabo eSgubudwini eTsomo. Uphinde wayalelwa ibheyile emva kokuvela kwinkundla kamantyi eMonti.

USakhekile, obesebenza njengengqonyela yabasebenzi (Chief of Staff) kwisebe lophuhliso loluntu eMpuma Koloni, wabhubha ekwindlela eya esibhedlele emva kokudutyulwa ngentsasa yomhla weshumi elinesine kwinyanga yoMsintsi.

INkosikazi yakhe uBulelwa yaxelela amapolisa ukuba uSakhekile wadutyulelwa egaraji, kodwa emva kophando amapolisa afumanisa ukuba ithetha amampunge lawo, umfi wadutyulelwa endlini.

Usapho lukaSakhekile luvuke ngentseni yangoLwesibini kule veki eTsomo lusiya kumamela ityala lale nkosikazi eMonti.

Omnye wamalungu osapho lakwaNdudula uthe: “Simazi njengomntu othanda izinto zexabiso futhi engumntu obonakala elangazelela ubomi beengcungcu.”

“Maxa wambi ebevele abulise nje angathethi kwanamntu phaya kusapho lasekhaya,” litsho ilungu losapho.

Ngethuba evela enkundleni, uBulelwa ebeneenwele ezenziwe ngestayile esibukekayo emehlweni futhi ekhangeleka njengenenekazi elizicikidileyo phambi kokuba liye enkundleni. Ngethuba wayevela enkundleni kwinyanga ephelileyo, wayeneenwele zakhe zendalo ezimfutshane.

UBulelwa ebesebenza njengotitshala kwisikolo iRH Godlo Primary eMdantsane apho arhola umvuzo oyiR12 000 ngenyanga.

Umcuphi wetyala uKapteni Silulami Patrick Somkence waxelela inkundla kwinyanga ephelileyo ukuba uSakhekile wabhubha ngenxa “yenzondo nomona” phakathi kwakhe noBulelwa.

“Iingxabano zabo zade zanyanzelisa uSakhekile ayokunikisa ngompu wakhe osemthethweni emapoliseni ngenyanga yeKhala kulo nyaka, emva kwezikhalazo ebezisuka kwinkosikazi zokuba umfi ufuna ukumdubula. Umfi wayefuna ukuzihlamba igama ngethuba enikeza ngompu wakhe,” utsho uSomkence.

UBulelwa uyalelwe ibheyile. Ityala lakhe lakumanyelwa kwakhona ngomhla weshumi elinesine kweyoMnga.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za