Umfundi akavunyelwanga abhale esikolweni

USiyonela Mpotye kwakunye nomakhulu wakhe uNokhansela Mpotye bacela uncedo

Ikamva lomntwana wesikolo lemfiliba ngenxa yomama ongakhathaliyo.

USiyonela Mpotye oneminyaka elishumi elinesithandathu wenza ibanga lesibhozo kwisikolo samabanga aphakamileyo eThubelihle kuVonqo eDutywa.

USiyonela washiywa ngumama wakhe uAnele Zonyo kumakhulu wakhe uNokhansela Mpotye ngonyaka ka2005.

UAnele wamshiya umntwana wayokutshona eKapa emva koko zange aphinde alibeke kwakhona kuVonqo. Umntwana wamshiya engamenzelanga incwadi sazisi.

Ngoku imeko kaSiyonela imaxongo kakhulu. Umakhulu uNokhansela Mpotye uyibalisa ibelusizi imeko yomzukulwana wakhe.

“Lo mntwana akavumelekanga ukuba athethe inxaxheba kwezinye izinto ezenziwayo esikolweni kuba akanazo iimpepha ezichaza ubuyena. Xa izezemidlalo esikolweni yena uye agoduke kuba akazuthatha nxaxheba. Kwaye xa kutyiwa ngabantwana besokolo yena lo mntwana akavumelekanga ukuba aphakelwe kokukutya kwesikolo,” utsho uNokhansela.

Ngokutsho kukaNokhansela uSiyonela kuthiwa uzakufunda ayoma kwibanga leshumi elinanye (grade) ukuba akanazo ezincwadi zakhe zokuzalwa.

“Esikolweni ndixelelwe ukuba angabe efunda okwangoku lo mntwana kodwa xa engenayo incwadi yokuzalwa akazulenza ibanga leshumi elinambini. Le nto ifika indimisele ngengqondo kuba kudala ndizamana nokwenza iincwadi zezazisi zalomntwana qha ingxaki andide ndiphumelele. Kwezinye iindawo kuye kufunwe umama wakhe. Umama wakhe akezi tu xa simbiza. Iyandikhathaza nyani imeko yalontwana kuba kaloku lo mntwana uzimisele ukufunda,” utsho uNokhansela.

Ngonyaka ka2019 uSiyonela wanikwa imali ngutata omkhulu wakhe uLahlekile Mpotye ukuba makaye eKapa kumama wakhe ukuze amenzele ezincwadi zazisi. USiyonela uthi umama wakhe zange amhoye tu.

“Umama ngumntu ozithandela utywala. Zange ayikhathalele into yokuba andenzele iincwadi. Ngonyaka ka2019 khange ndifunde kuba ndandiseKapa ndicengana nomama ukuba andenzele incwadi yesazisi. Ndatsho ndancama unyaka wonke ndicengana naye. Ndiyazibona zonke ezingxaki kodwa eyona ibuhlungu kukuba ndingazungena kwibanga leshumi elinambini ukuba andinayo incwadi yesazisi,” utshilo uSiyonela.

Isithethi seSebe leZasemakhaya uGcinile Mabhulu uthi